Ingoma emnandi.
98 Mculeleni ingoma entsha uYehova,+
Kuba wenze izinto ezimangalisayo.+
Isandla sakhe sasekunene, ingalo yakhe engcwele isisindisile.+
 2 UYehova uyenze yaziwa indlela asindisa ngayo;+
Ubutyhilile ubulungisa bakhe ezintlangeni.+
 3 Ulukhumbule uthando lwakhe olungagungqiyo nokuthembeka kwakhe kwindlu kaSirayeli.+
Ezona ndawo zikude zomhlaba ziyibonile indlela asindisa ngayo uThixo wethu.+
 4 Umhlaba wonke mawukhwaze kuYehova kuba woyisile.
Chwayitani, nikhwaze nivuya nize nimdumise ngengoma.+
 5 Mdumiseni uYehova ngohadi,
Ngohadi nangengoma emnandi.
 6 Khwazani phambi koKumkani uYehova kuba noyisile,+
Nivuthele amaxilongo nophondo.
 7 Malugqume ulwandle nazo zonke izinto ezikulo,
Umhlaba nabo bahlala kuwo.
 8 Imilambo mayiqhwabe izandla,
Neentaba zikhwaze zonke zivuya+
 9 Phambi koYehova, kuba uyeza ukuze agwebe umhlaba.
Uza kuwugweba ngobulungisa umhlaba,+
Azigwebe ngokomthetho nezizwana.+