IiNdumiso
114 Xa uSirayeli waphuma eYiputa,+
Indlu kaYakobi isimka ebantwini abathetha ulwimi lwasemzini,
2 UYuda waba yindawo yakhe engcwele,
USirayeli wayindawo alawula kuyo.+
5 Wawubaleka ntoni, wena lulwandlendini?+
Wajikela ntoni, wena Yordan?+
6 Yintoni eyayinenza nidloba-dlobe okweenkunzi zeegusha, nina zintaba,
Nani zinduli, okwamatakane eegusha?