IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 75 iphe. 178-iphe. 179 isiqe.¶ 4
  • UMtyholi Ulinga UYesu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UMtyholi Ulinga UYesu
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Kufuneka Sizixhathise Izilingo
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • “Mchaseni UMtyholi” Kanye Njengoko UYesu Wenzayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Funda Kwindlela UYesu Awamelana Ngayo Nezilingo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ukufunda Kwizihendo ZikaYesu
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 75 iphe. 178-iphe. 179 isiqe.¶ 4
UYesu esetempileni phezulu akavumi ukuziphosa phantsi

ISIFUNDO 75

UMtyholi Ulinga UYesu

UYesu akavumi ukujika amatye abe zizonka

Emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, umoya oyingcwele wamthumela entlango. Walamba kuba zange atye iintsuku eziyi-40. UMtyholi waya kumlinga uYesu, wathi: ‘Ukuba nyhani unguNyana kaThixo, jika la matye abe zizonka.’ UYesu wamphendula wathi: ‘IZibhalo zithi umntu akaphili ngokutya kodwa. Kufuneka amamele konke oko kuthethwa nguYehova.’

Waphinda uMtyholi wathi kuYesu: ‘Ukuba nyhani unguNyana kaThixo, yiya phezulu etempileni uze uziphose phantsi. Izibhalo zithi uThixo uza kuthumela iingelosi ukuba zikugange.’ UYesu wamphendula wathi: ‘IZibhalo zithi ungaze umlinge uYehova.’

UYesu akazifuni izikumkani zomhlaba

USathana wabonisa uYesu zonke izikumkani zomhlaba, ubutyebi nozuko lwazo waza wathi: ‘Ndiza kukunika zonke ezi zinto ukuba nje unokuqubuda kum.’ UYesu waphendula wathi: ‘Hamb’ apha, Sathana! Izibhalo zithi kufanele kukhonzwe uYehova kuphela.’

UMtyholi wahamba, zaza iingelosi zanika uYesu ukutya. Ukususela ngoko, uYesu washumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Wayethunyelwe apha emhlabeni ukuba enze kanye loo msebenzi. Abantu babezithanda izinto awayezifundisa, bemlandela naphi na apho aya khona.

“Eyona nto ayaziyo [uMtyholi] kukuthetha ubuxoki, kuba ulixoki, ibe ubuxoki beza ngaye.”—Yohane 8:44

Imibuzo: Zeziphi izilingo eziyi-3 ezafunyanwa nguYesu? UYesu wamphendula njani uMtyholi?

Mateyu 4:1-11; Marko 1:12, 13; Luka 4:1-15; Duteronomi 6:13, 16; 8:3; Yakobi 4:7

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share