Impinda YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeeveki zikaSeptemba 3 kuse kuDisemba 24,1990. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kusenokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. Umtshato nentsapho yomKristu azibandakanyekanga ekunquleni kwakhe uYehova. [wXO88 6/15 iphe. 14]
2. AmaKristu awakho ngozini yokulukuhlwa likhondo leli hlabathi elilihlazo. [wXO88 6/15 iphe. 16]
3. Abazali basenokuchitha ixesha nabantwana babo ukuba abaxakekanga zezinye iimbopheleleko neengxaki. [wXO88 8/1 iphe. 11]
4. UYesu wayekufanelekele ukuyivula incwadi esongwayo kuba waloyisa ihlabathi. [reXO iphe. 84 isiqe. 7]
5. Iziprofeto ezingokusindiswa kukaSirayeli zizalisekiswa kungekhona nguSirayeli wokwenyama kodwa libandla lamaKristu. (Roma, isahluko 9-11) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 8/1 iphe. 24.]
6. UYehova uvelisa ithuba lokuphuma ngokuthi ashenxise isihendo. (1 Kor. 10:13) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO74 iphe. 312.]
7. Iimpawu ezashiya iziva ezithile zisenokuba zabangelwa kukuphathwa kakubi ngokwasemzimbeni awakufumanayo uPawulos. (Gal. 6:17) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 11/15.]
8. Ukuhlanganiswa kwezinto zonke ezisemhlabeni kuya kuqhubeka bade abo basemangcwabeni balive ilizwi likaYesu baze baphume. (Efe. 1:10) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 11/15.]
Phendula le mibuzo ilandelayo:
9. Kutheni ukusebenzisa umabonwakude njengomgcini womntwana ikukutyeshela ngendlela elusizi imbopheleleko yobuzali? [wXO88 8/1 iphe. 11, 12]
10. Kutheni lumbi ulutsha luphila ubomi obumbaxa nje? [wXO88 8/1 iphe. 17, 18]
11. Yintoni efunekayo ukuze kuzuzwe olona lonwabo lukhulu emtshatweni? (INtshu. 4:12) [wXO88 11/1 iphe. 16]
12. Iimpondo ezisixhenxe zeMvana zifanekisela ntoni? (ISityhi. 5:6) [reXO iphe. 85 isiqe. 12]
13. Uvumo lwasekuhleni olukhankanywe kumaRoma 10:9, 10 (NW) ngokuyintloko lubhekisela entwenini? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO88 1/1 iphe. 22 no-6/15 iphe. 29.]
14. Kungaziphi iindlela ezimbini abanokuthi abadala bagxininise ubunzulu besiluleko sikaThixo sokutshata ngokwaseNkosini kuphela? (1 Kor. 7:39) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO82 9/1 iphe. 31.]
15. Ziyintoni iintolo ezinomlilo ezicela umngeni ukholo lwethu? (Efe. 6:16) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 11/15.]
16. Lwaluyintoni usukelo uPawulos awayexunele kulo? (Fil. 3:13, 14, NW) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 11/15.]
Fakela igama okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
17. Usukelo lwabazali abangamaKristu lufanele lube ․․․․․․․ ukuze abantwa
na bangaze bayeke ukukhonza uThixo. (IMize. 22:6) [wXO88 8/1 iphe. 13 isiqe. 14]
18. NgokwabaseRoma 13:1, abalawuli behlabathi bakho kuphela ․․․․․․․ nguThixo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 8/1 iphe. 24.]
19. Xa ․․․․․․․ wazahlulayo kumakholwa aziiNtlanga kwaAntiyokwe ngenxa yokuba wayesoyika amaKristu angamaYuda avela eYerusalem, ․․․․․․․ wamkhalimela. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 11/15.]
20. UPawulos wawaqinisekisa amaFilipi ngo ․․․․․․․ owayekhe wagula kakhulu. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 11/15.]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
21. Abazali bafanele bafundisise nabantwana babo (kanye ngeveki; kanye ngenyanga; rhoqo). (Dut. 11:18-21) [wXO88 8/1 iphe. 14 isiqe. 18]
22. Ngokunokwenzeka bephenjelelwe (yintanda-bulumko yamaGrike; yimvakalelo; ziZibhalo zesiHebhere), bambi kwibandla laseKorinte bathi akukho luvuko lwabafileyo. (1 Kor. 15:32) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 9/15 iphe. 25.]
23. Kweyesi-2 kwabaseKorinte 3:18, uPawulos ubhekisela kumava (kaMoses; kaYoshuwa; kaEliya). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 9/15 iphe. 26.]
24. UPawulos wakhankanya umzekelo omhle (wabaseKorinte; wabaseMakedoni; wabase-Efese) ngenxa yokuba ekupheni ngezinto eziphathekayo baba nesisa kakhulu. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 9/15 iphe. 27.]
Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkcazelo ezidweliswe ngezantsi:
Roma 7:4; 1 Kor. 4:9; 14:40; 2 Kor. 6:7
25. Nangona babehlaselwa macala onke, uPawulos nabasebenzi abangoowabo babekuxhobele ukulwa imfazwe yokomoya. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 9/15 iphe. 27.]
26. UPawulos wayebhekisela kukufa kwasebaleni lemidlalo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 9/15 iphe. 24.]
27. Ngokuba neentlanganiso ezilungelelaniswe kakuhle, sizukisa uThixo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 9/15 iphe. 25.]
28. Ukufa kukaYesu kwawakhulula amaYuda akholwayo ekubeni ngaphantsi koMthetho. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 8/1 iphe. 24.]