“Hlalani Nisenza Oku Nindikhumbula”
1 Abantu batyekele ekuvumeleni ukuphawuleka kwezinto ezibalulekileyo kufiphale njengoko ixesha lihamba. Ngenxa yoko, xa uYesu wayesungula “isidlo seNkosi sangokuhlwa,” wabayalela oku abafundi bakhe: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” Ukususela ngelo xesha, ngomhla wokufa kukaYesu, ngentobelo amaKristu aye aqhubeka ‘ebhengeza ukufa kweNkosi, ide ifike.’—1 Kor. 11:20, 23-26.
2 Kungekudala, uYesu uya kwamkelela ezulwini abokugqibela kwintsalela ‘yomhlambi omncinane’ esele iza kuphela. (Luka 12:32; Yoh. 14:2, 3) Kulo nyaka intsalela yabathanjiswa kwakunye nesihlwele esikhulu ‘sezinye izimvu’ esandayo baya kuphinda babe nelungelo lokwenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, ngoAprili 11. (Yoh. 10:16; ISityhi. 7:9, 10) Kuya komelezwa uxabiso ngothando olubalaseleyo lukaYehova lokuthumela uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ngenxa yoluntu. Kuya kubalaseliswa umzekelo kaYesu, uthando lwakhe, ukuthembeka kwakhe de kuse ekufeni elungiselela intlawulelo, nokulawula kwakhe ngoku njengoKumkani woBukumkani bukaThixo obumiselweyo, kwakunye neentsikelelo obu Bukumkani obuya kuzizisela uluntu. Ngokwenene esi sisiganeko sokukhunjulwa!
3 Lungiselela Ngoku: Sonke masisebenzele ukwenza eli xesha leSikhumbuzo libe lelivuyisayo nelokubonisa umbulelo kuthi nakubo bonke abaza kunxulumana nathi. Sinokuzenza silungele eso sihlandlo ngokuphinda sifunde iingxelo zeBhayibhile eziphathelele iintsuku zokugqibela ezimbalwa zobulungiseleli bukaYesu neziganeko ezikhokelela ekufeni kwakhe. Kwisithuba seeveki ngaphambi kweSikhumbuzo kwisifundo sentsapho kusenokuhlolisiswa isahluko se-112-16 kwincwadi ethi Oyena Mntu Obalaseleyo.
4 Bangaphi abantu obaziyo abanokuza eSikhumbuzweni ukuba unokuthabatha inyathelo lokuqala ekwakheni uxabiso lwabo ngesi siganeko, ubameme uze ubenze bazive besekhaya? Babhale phantsi ngoku uze wenze konke okusemandleni akho ukuze ubancede babekho. Emva koko, bancede baqhubeke bekhula ngokomoya ngokubakhuthaza ukuba babekho rhoqo kwiintlanganiso.
5 Ebudeni bexesha leSikhumbuzo, kuya kwenziwa amalungiselelo akhethekileyo ukuze wonke umntu andise amathuba akhe okushumayela. Xa ucwangcise kakuhle, ngaba akunakuba nguvulindlela ongumncedani ngoAprili? kuthekani ngoMeyi? Enye yezona ndlela zilungileyo zokubonisa ukuba sikukhumbula sinoxabiso konke oko kuthethwa lidini likaYesu kuthi kukuthetha ngoThixo wethu, uYehova nangeentsikelelo eziya kuziswa lulawulo loBukumkani boNyana wakhe.—INdu. 79:13; 147:1.