Bantwana—Niyasivuyisa!
1 Lutsha, ngaba niyawazi umyalelo kaYehova wokuba niqukwe kwimisebenzi yebandla? (Dut. 31:12; INdu. 127:3) Kuyavuyisa ukuba kunye nani njengoko sikhonza uYehova sonke! Siyachulumanca xa sinibona nihleli ngokuzolileyo kwiintlanganiso yaye niphulaphula ngenyameko. Sivuya gqitha xa nizama ukuphendula ngamazwi enu. Lonke ibandla liyagcoba xa ninikela iinxalenye enizabelweyo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, xa nisiba kunye nathi ngokuzithandela kwinkonzo yasentsimini, naxa sisiva ukuba ninikela ubungqina ngenkalipho kwabo nifunda nabo nakubafundisi-ntsapho benu.—INdu. 148:12, 13.
2 Sifuna nazi ukuba siyazidla ngani xa sibona isimilo senu esilungileyo, inkangeleko yenu entle, ihambo yenu ecocekileyo nentlonelo yenu ngabantu abakhulileyo. Sivuya nangakumbi xa nibonisa ukuba ‘nikhumbula uMdali wenu’ ngokuzibekela usukelo lobuthixo.—INtshu. 12:1; INdu. 110:3.
3 Sixeleleni Usukelo Lwenu: Enye inkwenkwe eneminyaka esibhozo ubudala yamxelela oku umveleli wesithili: ‘Okokuqala ndifuna ukubhaptizwa, emva koko ndincedise ebandleni ngokusebenza kwisandisi-lizwi nokunyamekela imibhobho yesandisi-lizwi, ndibe ngumlindi, ndincedise kwigumbi leencwadi, ndifunde iziqendu kwizifundo zencwadi nakwiZifundo zeMboniselo. Emva koko ndingathanda ukuba sisicaka solungiselelo ndize ndibe ngumdala. Kwakhona ndingathanda ukuba nguvulindlela ndize ndiye kwisikolo soovulindlela. Emva koko ndingathanda ukuya eBheteli, ndibe ngumveleli wesiphaluka okanye owesithili.’ Olunjani lona uxabiso awalubonisayo ngelungelo lokukhonza uThixo!
4 Njengoko nikhula ngokomzimba nangokomoya, siyavuyiswa kukubona nilufikelela usukelo lwenu. (Thelekisa uLuka 2:52.) Nyaka ngamnye, abangamawaka kuni baba ngabavakalisi abangabhaptizwanga baze bafanelekele ubhaptizo njengabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo. Kwakhona sivuya ngakumbi xa sinibona nizabalazela ukuba ngoovulindlela abangabancedani nide ningenele inkonzo yexesha elizeleyo. Eneneni, nina bantwana niyasivuyisa ibe ningumthombo omangalisayo wendumiso eya kuBawo wethu osezulwini. Ngamana uYehova anganisikelela ngokutyebileyo!—IMize. 23:24, 25.