Iintlanganiso Zenkonzo NgoMatshi
Iveki Eqala NgoMatshi 2
8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini kaFebruwari ngokukhawuleza.
15 imiz: “Hlalani Nisenza Oku Nindikhumbula.” Intetho ngumdala. Yithi gqaba gqaba ngoko kubhalwe kwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 80-1, ubethelele ukubaluleka kokubakho kwiSikhumbuzo.
22 imiz: “Bethelela Ithemba Lobomi Obungunaphakade Kwabanye.” Ingxubusho yenqaku nabaphulaphuli. Ngokufutshane chaza indlela enokusetyenziswa ngokunempumelelo ngayo imibuzo ukuze kuqhutywe incoko. Yenza imizekelo yoosingamibuzo kunye nemibuzo yembono enokusetyenziswa kwintshumayelo kabani. (Bona Incwadi Yesikhokelo Yesikolo, iphepha 51-2, isiqendu 10-12.) Yiba nomvakalisi onobuchule obonisa indlela yokunikela enye yeentshumayelo ezicetyisiweyo zotyelelo lokuqala kunye neyokubuyela, ebonisa indlela ekuqaliswa ngayo isifundo seBhayibhile.
Ingoma 88 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 9
8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali.
15 imiz: Isingxobo Semibuzo. Imibuzo neempendulo. Umdala uxubusha umbandela okwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 131, isiqendu 1 nesesi-2.
22 imiz: “Ngaba Siza Kuphinda?” (Isiqendu 1-11) Imibuzo neempendulo. Balisa ngeembalasane zephulo lonyaka odluleyo lobuvulindlela bobuncedani, njengoko kunikelwe ingxelo kwiNcwadi Yonyaka Yowe-1998, ukuba ikho. Khankanya inani labebengoovulindlela abangabancedani kwibandla lenu ebudeni belo xesha. Xubusha ngeengenelo zobuqu ezikhawulezileyo esizifumanayo xa singoovulindlela, uze ubonise indlela lo mgudu wongezelelekileyo ofak’ isandla ngayo kwinkqubela yebandla. Chaza amalungiselelo enkonzo acetywa kwibandla lenu ngoAprili nangoMeyi ukuze kuncedwe abangakumbi babe ngoovulindlela. Abavakalisi basenokufumana iifomu zesicelo emva kwentlanganiso.
Ingoma 195 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 16
8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Mema bonke abanomdla ukuba babekho kwintetho yesidlangalala ekhethekileyo eza kubakho ngoMatshi 29. Le ntetho inomxholo othi “Isizathu Sokuba Unokukholosa NgeBhayibhile.”
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.
22 imiz: “Ngaba Siza Kuphinda?” (Isiqendu 12-19) Imibuzo neempendulo. Xubusha ngeemfaneleko ezichazwe kwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 113-14. Chaza indlela ubuvulindlela bobuncedani obumenza ubani alungele inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi ngayo. Mema abanye abebengoovulindlela abangabancedani kunyaka ophelileyo bachaze indlela ababeluhlengahlengise ngayo ucwangciso lwabo ukuze bahlangabezane nemfuneko yeeyure ezingama-60. Luluphi ucwangciso kwadweliswe kwiphepha lokugqibela lesihlomelo eliye lasebenza kakuhle kubo? Ukuba ixesha liyavuma, balisa amava avela kwiNcwadi Yonyaka Yowe-1987 (yesiNgesi), iphepha 48-9, 245-6. Khuthaza abavakalisi ukuba bazifumanele iifomu zesicelo emva kweentlanganiso.
Ingoma 224 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 23
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khuthaza bonke ukuba baqalise ukumemela abanomdla kwiSikhumbuzo, ngoAprili 11. Bonisa umbhalo wesimemo, uze ubabongoze bonke ukuba bazifumanele isixa baze baqalise ukusisasaza kwakule veki. Yazisa amagama abo bonke abaza kuba ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili. Chaza ukuba lisekho ithuba lokufaka isicelo. Chaza lonke ucwangciso lweentlanganiso zenkonzo olucetyelwe uAprili.
20 imiz: Yenza Abasebatsha Balungele Inkonzo Yasentsimini. Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Abo baqhuba isifundo kwincwadi ethi Ulwazi bafanele bacinge ngokwenza abafundi babo balungele ukuba nesabelo kwinkonzo yasentsimini. Chaza oko kuthethwa kwincwadi ethi Ulwazi, iphepha 105-6, isiqendu 14, nephepha 179, isiqendu 20. Xubusha inkqubo emele ilandelwe echazwe kwiMboniselo kaNovemba 15, 1988, iphepha 16-17, isiqendu 7-10, ngokuphathelele abasebatsha abaza kuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Qwalasela amacebiso akwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996, isiqendu 19, ngokuphathelele ukunceda abavakalisi abangabhaptizwanga abatsha baqalise kwinkonzo yasentsimini.
15 imiz: Zuza Iingenelo Ngokupheleleyo kwiNcwadi Yonyaka Yowe-1998. Ubawo uxubusha iphepha 3-6, 31 nentsapho yakhe, ethetha ngomsebenzi wobuthixo wehlabathi lonke wonyaka ophelileyo. Qwalasela iingenelo ezifunyanwa yintsapho ngokufunda nokuxubusha kunye itekisi yosuku neenxalenye zeNcwadi Yonyaka ngamaxesha ezidlo, zizimisele ukuqhubeka zisenjenjalo ukutyhubela unyaka. Ukuba iNcwadi Yonyaka Yowe-1998 ayikafiki, xubusha iimfuno zebandla.
Ingoma 47 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 30
12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Bakhumbuze bonke ukuba bafake ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini ngoMatshi. Babonise iinkupho zakutshanje zamaphephancwadi, ucebise ngamanqaku ubani anokuwabalaselisa xa ewahambisa, uze ukhankanye iingongoma ezithile onokuzithethelela. Xubusha umxholo othi “Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo,” uze uchaze amalungiselelo ebandla lenu eSikhumbuzo. Bonke bafanele benze amalungiselelo okugqibela ukuze bancede izifundo zabo zeBhayibhile nabanye abanomdla babe khona. Bakhumbuze bonke ukuba baqiniseke ukuba bahambisana nofundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo oluqalisa ngoAprili 6-11, noluboniswe kwincwadi ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla.
13 imiz: “Bantwana—Niyasivuyisa!” Imibuzo neempendulo. Balisa amava akwiMboniselo ka-Agasti 1, 1987, iphepha 25.
20 imiz: Iindlela Zokulwa Ukutyhafa Okungokomoya. Abadala ababini baxubusha ibhokisi ekwiMboniselo kaJanuwari 15, 1986, iphepha 19. “Kumqondiso Wokutyhafa” ngamnye, chaza usebenzisa iZibhalo indlela ubani anokungenelwa ngayo “Kwizinto Zokukunceda Unyamezele” ezingqamene nawo. Yandula ke udlan’ indlebe nabavakalisi ababini abagqabaza ngendlela ukusebenzisa ezo ngongoma ekuye kwabanceda ngayo bahlala bomelele ngokomoya.
Ingoma 140 nomthandazo wokuqukumbela.