Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoJulayi 12
12 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Umveleli wenkonzo uchaza amalungiselelo entsimi engabelwanga bani. Xubusha ileta ethetha ngentsimi engabelwanga bani kaMeyi 31, 2004, uchaze iincwadi eziza kuhanjiswa, imihla, indawo eza kusetyenzwa, indawo yokuhlala namalungiselelo okuhamba. Ngaba bakho abanokuba ngoovulindlela abangabancedani? Amabandla angayiyo kwintsimi engabelwanga bani afanele axubushe amalungiselelo okusebenza intsimi engafane isetyenzwe. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 4, bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaJulayi 15 noVukani! ka-Agasti 8. Komnye wemiboniso, hambisa iphephancwadi kumntu odibana naye esitratweni ongakwazi kakuhle ukuthetha ulwimi lwakho.
18 imiz: “Xelisa Okusesikweni KukaYehova.”a Ukuba ixesha liyavuma, cela abaphulaphuli bagqabaze ngezibhalo ezicatshulweyo.
15 imiz: IBhayibhile, Incwadi Yeziprofeto Ezinokuthenjwa. Intetho nengxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwincwadana enemifanekiso ethi Incwadi Yabantu Bonke, iphepha 27-9. Ngokufuthi entsimini sidibana nabantu abanomdla kwikamva. IBhayibhile inenkcazelo enokuthenjwa ethetha ngekamva eliqaqambileyo eliza kunanditshwa ngabantu abathobelayo. Qwalasela iziprofeto eziseBhayibhileni ezithetha ngekamva nezomelez’ ithemba. Yiba nomvakalisi obonisa ngokufutshane indlela ezinokusetyenziswa ngayo iziganeko zeBhayibhile ukuze kuncedwe umntu onomdla abe nentembelo koko iBhayibhile ikutshoyo.
Ingoma 16 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJulayi 19
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Xubusha ukubaluleka kokwenza ufundisiso lweBhayibhile lwamihla le ngokuthe rhoqo, kwanokuba senza izinto esingaqhelanga kuzenza ebomini bethu. Quka amagqabaza akwiMboniselo ka-Agasti 15, 2000, iphepha 32.
15 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.
20 imiz: “Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela—Icandelo 1.” Intetho enikelwa ngumveleli wenkonzo. Abaphulaphuli mabagqabaze ngombandela okwincwadi ethi Abavakalisi BoBukumkani, iphepha 572-4, othetha ngembali yomsebenzi wokuqhuba izifundo zeBhayibhile kule mihla siphila kuyo. Benze bakhangele phambili ngolangazelelo kungcelele lwamanqaku ezayo. Phakathi kwemixholo eza kuxutyushwa kuloo manqaku yindlela yokulungiselela ukuqhuba isifundo, indlela yokunceda umfundi alungiselele, ngumbandela ongakanani omele ugutyungelwe, indlela yokuzisebenzisa ngokuphumelelayo izibhalo, indlela yokuphendula imibuzo yomfundi, indlela omchazela ngayo ukuba kuza kufuneka niqalise isifundo ngomthandazo, nendlela yokwalathisela umfundi entlanganweni. Bakhuthaze bonke ukuba bawasebenzise la macebiso nokuba bawagcine la manqaku ukuze bawasebenzise kwixa elizayo.
Ingoma 10 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJulayi 26
12 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Khumbuza abavakalisi ukuba badlulise ingxelo yenkonzo yasentsimini kaJulayi. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 4, bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo ka-Agasti 1 noVukani! ka-Agasti 8. Kumboniso ngamnye, bonisa indlela eyahlukileyo yokuphendula la mazwi anokuthintela incoko, “Kutheni le nto bantundini nifika ngokufuthi kangaka?”—Bona incwadi Ukuqiqa, iphepha 20.
8 imiz: Ibhokisi Yemibuzo. Mayisingathwe ngumdala. Lifunde uze ulixubushe lonke eli nqaku.
25 imiz: “Indlela Yokushumayela Kwintsimi Yamashishini.”b Chaza ilungiselelo lebandla lokusebenza kummandla wamashishini. Ngokufutshane yenza imiboniso yeentshumayelo ezimbini ezikwisiqendu 4-5 okanye usebenzise enye indlela ephumelelayo ekuhlaleni. Ukuba ixesha liyavuma, cela abaphulaphuli babalise amava abangel’ umdla abawafumene xa bebeshumayela kummandla wamashishini.
Ingoma 173 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 2
8 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
22 imiz: Ngaba Uchaza Izizathu? Intetho nengxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwincwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphepha 254, isiqendu 1-2. Xa sicacisa yaye sisebenzisa izibhalo entsimini naseqongeni, siya kufundisa ngokuphumelelayo ukuba sichaza izizathu zoko sikuthethayo kunokuchaza nje ukuba loo nto injalo. Usebenzisa imizekelo ekwincwadi ethi Ukuqiqa okanye ekwezinye iimpapasho ezifanelekele intsimi yasekuhlaleni, bonisa indlela (1) yokukhetha nokucacisa imibandela eyintloko ekwisibhalo, (2) yokuchaza ubungqina obuvela kumongo okanye kwesinye isibhalo esithetha ngaloo nto nixubusha ngayo, (3) yokusebenzisa umzekeliso obonisa ukuba nengqiqo kwaloo nto usandul’ ukuyithetha, (4) yokusebenzisa imibuzo eza kunceda abaphulaphuli baqiqe ngaloo mbandela uthetha ngawo. Balaselisa iingenelo zokuqiqa nabantu.
15 imiz: Amava ebandla lasekuhlaleni. Cela abaphulaphuli babalise ngamava akhuthazayo abawafumene ngoxa bebengoovulindlela okanye abawafumene kutshanje kweminye imisebenzi yokomoya.
Ingoma 32 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.