Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoMeyi 9
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. IZaziso Ezikhethiweyo ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Sebenzisa amacebiso akwiphepha 8 (ukuba ayasebenza kwintsimi yenu) ukuze ubonise indlela yokuhambisa IMboniselo kaMeyi 15 noVukani! kaJuni 8. Kusenokusetyenziswa nezinye iindlela ezifanelekileyo. Komnye umboniso, bonisa indlela yokuhambisa amaphephancwadi ngokungacwangciswanga kwizithuthi zikawonke-wonke.
15 imiz: Sebenzisa ILizwi LikaThixo Ukuze Ufikelele Intliziyo. Intetho esekelwe kwiMboniselo kaFebruwari 1, 2005, iphepha 28-31. Xubusha ngendlela uYesu awazisebenzisa ngayo iZibhalo ukuze ancede uPetros. Bonisa indlela esingawuxelisa ngayo umzekelo kaYesu xa kukho imfuneko yokulungisa indlela abacinga ngayo abantwana bethu nezifundo zethu zeBhayibhile kwanendlela esicinga ngayo nesivakalelwa ngayo.
20 imiz: “Zenzeleni Ucwangciso Lwentsapho Olusebenzayo.” Kwintetho eyintshayelelo engaphantsi kwemizuzu emibini, balaselisa ukubaluleka kokuba nocwangciso olubhalwe phantsi uze uxubushe indlela yokubhala kucwangciso olungazaliswanga kwiphepha 6. Emva koko yiba nemibuzo neempendulo kwinqaku elithi “Ucwangciso Lwentsapho—Iintlanganiso Zebandla.” Cela abaphulaphuli ukuba bagqabaze ngendlela yokugcina ezinye izinto zingaphazamisi iintlanganiso zebandla. Ezinye iinkalo zocwangciso lwentsapho ziza kuqwalaselwa kwiiveki ezilandelayo.
Ingoma 176 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMeyi 16
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
15 imiz: “Ucwangciso Lwentsapho—Intsimi.”a Cela abaphulaphuli bagqabaze ngeengenelo zokuya rhoqo entsimini njengentsapho.
20 imiz: “Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela—Icandelo 9.”b Xa uxubusha isiqendu 2, balaselisa ingongoma enye okanye ezimbini kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaDisemba 2004, kwiphepha 8. Quka nomboniso omfutshane wesifundo seBhayibhile. Emva kokuba egqibe isifundo 2 kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, umqhubi wesifundo ubuza umfundi: “Unokumxelela njani umhlobo wakho ngegama likaThixo?” Umfundi uchaza indlela anokusebenzisa ngayo INdumiso 83:18, emva koko umqhubi wesifundo uyamncoma umfundi.
Ingoma 134 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala ngoMeyi 23
12 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Funda ingxelo yemali neeleta zeminikelo. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8 (ukuba ayasebenza kwintsimi yenu), bonisa indlela enokuhanjiswa ngayo IMboniselo kaJuni 1 noVukani! kaJuni 8. Kusenokusetyenziswa nezinye iindlela eziphumelelayo.
18 imiz: “Imini KaYehova Ikufuphi.”c Xa ulungiselela eli nqaku, funda incwadi ethi Isiprofeto SikaDaniyeli, kwiphepha 59, isiqendu 28.
15 imiz: “Ucwangciso Lwentsapho—Isifundo Sentsapho.”d Lungiselela kwangaphambili ukuba umntu omnye okanye ababini bathethe ngendlela abazenzele ngayo ucwangciso lokuba nesifundo sentsapho nemigudu abayenzayo ukuze bakwazi ukusiqhuba rhoqo.
Ingoma 152 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMeyi 30
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake iingxelo zabo zenkonzo kaMeyi. Chaza uncwadi oluza kuhanjiswa ngoJuni. Bonisa indlela olunokuhanjiswa ngayo olo ncwadi usebenzisa intshayelelo enye okanye ezimbini ezikwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2005 (ukuba ziyasebenza kwintsimi yenu). Kunokusetyenziswa nezinye iindlela eziphumelelayo.
20 imiz: “Ucwangciso Lwentsapho—Itekisi Yosuku.”e Cela abaphulaphuli ukuba bagqabaze ngendlela iintsapho zabo ezingenelwa ngayo ekufundeni itekisi yosuku kunye nocwangciso abaye balufumanisa lubasebenzela.
15 imiz: Balisa okanye wenze umboniso wabantu abaye baba namava ebudeni bukaMatshi, uAprili noMeyi kwinkonzo yasentsimini. Lungiselela kusengaphambili ukuba umntu omnye okanye ababini bagqabaze ngemigudu abaye bayenza ukuze bandise inkonzo yabo yasentsimini ebudeni bexesha leSikhumbuzo neentsikelelo abaye bazifumana ngenxa yoko.
Ingoma 115 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala ngoJuni 6
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
15 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.
20 imiz: “Hlakulela Umdla Ngomzila Wamaphephancwadi.”f Xa uxubusha isiqendu 3, balaselisa iingongoma ezikwiphepha 86-91 kwincwadi ethi Ukuqiqa. Le nkcazelo inokusetyenziswa ukulungiselela iingxubusho zesibhalo esinye esithetha ngoko kuya kufezwa buBukumkani bukaThixo. Yiba nomboniso wendlela umvakalisi anokuba nengxubusho yesibhalo esinye nomntu okumzila wamaphephancwadi. Lo mvakalisi ufanele axubushe ngokufutshane aze abonise indlela esi sibhalo esinokusetyenziswa ngayo ukuze ancede umninimzi asiqonde ngokuchanileyo aze abone indlela esibaluleke ngayo ebomini.
Ingoma 107 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
d Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
e Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
f Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.