UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 1–3
“UBukumkani Bamazulu Busondele”
Indlela uYohane awayenxiba nawayekhangeleka ngayo yayibonisa ukuba akanazinto zininzi kodwa wayezinikele ngokupheleleyo ekwenzeni ukuthanda kukaThixo
Ilungelo elikhethekileyo awayenalo uYohane lokwandulela uYesu wayelixabisa kakhulu ibe lalingenakuthelekiswa nezinye izinto awazincamayo
Ukuba nezinto eziyimfuneko kusenza simkhonze ngakumbi uYehova nto leyo esenza saneliseke. Nazi izinto esinokuzenza ukuze siphile ubomi bokuba nezinto eziyimfuneko . . .
zazi ezona zinto uzidingayo
sukuzithenga izinto ezingeyomfuneko
ceba ngendlela oza kuyisebenzisa ngayo imali
phungula izinto ongazisebenzisiyo
wabhatale onke amatyala akho
zama umsebenzi okunika ixesha elingakumbi lokushumayela nokubakho kwiintlanganiso
UYohane wayesitya nje iinkumbi nobusi basendle
Ukuba nezinto eziyimfuneko kunokundenza ndizimisele uku