Iimbalasane ZeBhayibhile INdumiso 1 ukuya kweyama-41
Umdumisi Uvuma Umbongo KaYehova
“Imibongo.” Le yintsingiselo yegama lesiHebhere elisetyenziswa kwincwadi yeeNdumiso yaye hayi indlela elifaneleke ngayo! Ngokungathi kunjalo, yonke le ncwadi ingumbongo omde oya kuYehova uThixo. IiNdumiso zibalisa ngeempawu nezenzo ezinamandla zikaYehova. Ziqulethe iziprofeto yaye zikwasixelela iimvakalelo zababhali abaphefumlelweyo njengoko banyamezela intshutshiso, ukungcatshwa, ukudimazeka kwanesazela esibi. AmaKristu amaninzi abandezelekileyo ngenxa yeemvavanyo ezikwanye aye omelezwa ngamazwi eeNdumiso.
Incwadi yeeNdumiso yahlulwe yangamacandelo amahlanu. Apha sixubusha ngelokuqala kula,.
Ukuzithoba Kwiinjongo ZikaYehova
Khawufunde. Eli qela leeNdumiso lazisa eminye yemixholo ebalaseleyo yencwadi yeeNdumiso: ukubaluleka koMthetho, iziprofeto ezingoKumkani onguMesiya ozayo nemithandazo yoncedo ekujonganeni neengcinezelo eziqatha. Ukongezelela, sifunda ukuba, phezu kwako nje ukubalasela okukokwexeshana kobungendawo, amalungisa aya kusikelelwa.
◆—Yintoni “into engeyakonto” iintlanga ezaziqhubeka ‘ziyicamanga’?
Iintlanga zaqhubeka ‘zicamanga’ (okanye, ‘zicamngca’) ngokwenza igunya lazo lihlale likho, endaweni yokwamkela uMthanjiswa kaYehova. La mazwi ayesebenza kwinkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, xa iziphatha-mandla zamaRoma nezamaYuda zenza iyelenqe lokubulala uKumkani othanjiswe nguYehova, uYesu Kristu. (IZenzo 4:26-28) Phofu ke, eyona nzaliseko inkulu ibekho ukususela ngowe-1914, xa zonke iintlanga zamchasayo uKumkani kaThixo obekwe etroneni zaza zazama ukuphakamisa ulongamo lwazo.
◆—Kutheni kukho umyalelo othi, “Mangeni uNyana”?
Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukwanga kwakubonisa ubuhlobo yaye kwakusetyenziswa xa ubani wayezamkela ngobubele iindwendwe ekhayeni lakhe. Kule ndinyana, uYehova uyalela iintlanga ukuba zange, okanye zamkele, uNyana wakhe njengoKumkani othanjisiweyo wakhe.—INdumiso 2:2, 6-8.
◆—Kutheni le nto uYehova ‘engumphindezeli wamagazi’?
Njengomgwebi ohleli esihlalweni sokugweba, uYehova ufuna abo banetyala legazi ngenxa yokuphalaza igazi labantu bakhe abangenatyala. (Genesis 9:5, 6; Luka 11:49, 50) Kwakhona uyamohiwaya nobekek’ ityala. Kodwa izohlwayo zakhe ziyakhetha. Umdumisi uDavide uyasiqinisekisa: ‘Akakulibalanga ukukhala kwabalulamileyo.”—Thelekisa eyesi-2 kaPetros 2:9.
◆—Zinto zini ‘ezisisiseko’ ezigungxuliweyo?
Ezi ziseko kokusesikweni, ngumthetho nocwangco—iziseko uluntu oluhleli kuzo. Xa ucwangco olungokwentlalo luchithakala, kungenakwenzeka ukuba kubekho okusesikweni, umele athini umntu owoyika uThixo? Umele akholose ngoYehova. Usetroneni yakhe yasemazulwini, ubona yonke into eyenzekayo, yaye akayi kusidanisa.
Esikufundayo koku: ibongoza abo boyika uThixo ukuba ‘babingelele imibingelelo yobulungisa.’ Ngomhia kaDavide, amaSirayeli kwakufuneka anikele imibingelelo kwisibingelelo sikaYehova. Kodwa kwakufuneka ekwaneentshukumisa ezifanelekileyo aze aguquke ngenene. (Isaya 1:11-17) Xa amaKristu enikela imibingelelo yawo yokomoya, nawo kufuneka abe neentshukumisa ezifanelekileyo yaye kufuneka ephile ngokwemilinganiselo ephakamileyo kaYehova.—Hebhere 13:4, 5, 15, 16; 1 Petros 2:1, 5.
UThixo Ongenakuthelekiswa Nanto
Funda ukuya kweyama-24. Le ngqokelela yeendumiso iqulethe amazwi aliqela okubonga uYehova. UnguMkhuseli wabantu bakhe (18), uMdali noMniki-mthetho (19), uMsindisi (20), uMkhuseli woKumkani amnyulileyo (21), uMalusi Omkhulu (23) kwanoKumkani Ozukileyo (24).
◆ —Ngubani lo “wenceba” ukhankanyiweyo apha?
Bambi abaphengululi beBhayibhile le ndinyana bayibhekisela kwabathembekileyo ngokubanzi, bekhankanya njengento exhasa oku isibakala sokuba kweminye imibhalongqangi yesiHebhere igama elithi “owenceba” likwisininzi. Phofu ke, xa le ndinyana icatshulwa kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike, eli gama likwisinye, nto leyo ebonisa “owenceba” omnye kuphela. Ungubani yena? Ekuqaleni, kusenokwenzeka ukuba yayinguDavide. Kodwa ngokwesiprofeto, uPetros noPawulos le ndinyana bayibhekisela kuYesu.—IZenzo 2:25-32; 13:35-37.
◆—Sasiyintoni “isithsaba segolide engcwengekileyo”?
Mhlawumbi esi yayisisithsaba sokoqobo, njengeso sathulwayo kwisithixo uMalekom. (Thelekisa eyesi2 kaSamuweli 12:29, 30, NW) Okanye mhlawumbi isithsaba sesokomfuziselo nje, umqondiso wesibakala sokuba uloyiso lukaDavide lwalunikele isihombo esingakumbi kubukumkani bakhe obuzukileyo. Noko ke, ngokwesiprofeto, le ndumiso yalatha indlela uYehova awamnika ngayo uYesu isithsaba sokulawula ngowe-1914. “Isithsaba segolide engcwengekileyo” salatha kwisibakala sokuba ulawulo lwakhe lusemagqabini.
◆—Ngaba uThixo wayemlahlile uDavide?
Hayi, kodwa xa uDavide wayephantsi kwengcinezelo eqatha evela kwiintshaba zakhe, kwabonakala kunjalo. Phofu ke, indlela kaDavide yokusabela eyiyeyobuntu kwiinkxwaleko zakhe ezimbi ayizange ibonakalise ukuswel’ ukholo, ekubeni eqhubeka ekuthandazela ngentembelo ukuhlangulwa. (Indinyana 1619) Okubangel’ umdla kukuba, uYesu wacaphula le ndumiso ngaphambi kokuba afe kumthi wentuthumbo. Ngokubuza athi ‘kutheni?’ uYesu wayebonakalisa ingcinezelo eqatha awayephantsi kwayo, ngoxa kwangaxeshanye wayevakalisa ubumsulwa bakhe kwizityholo zobuxoki ezakhokelela ekubulaweni kwakhe.
Esikufundayo koku: Umpostile uPawulos ucaphula aze ayisebenzise kwindlela uYesu Kristu akhokela ngayo phakathi kwabazalwana bakhe abathanjisiweyo ekuvakaliseni igama likaYehova. (Hebhere 2:11, 12) yalatha kwixesha laxa “yonke imizalwane yeentlanga” iya kuthelela abantu bakaYehova ekumdumiseni. Namhlanje, umMbo nomXesibe wesihlwele sezizwe ngezizwe ukhonza uThixo nabazalwana bakaYesu. (ISityhilelo 7:9) Kufuneka sinamathele kweli lungiselelo lilungelelaniswa nguThixo.
Amandla Amakhulu KaYehova
Funda ukuya kweyama-34. INdumiso 25 26, uDavide uvakalisa umnqweno wakhe wokuhamba kwingqibelelo yakhe. Apho kwakhona kulandela amazwi okukholosa ngenkalipho kuYehova yaye, ingcaciso ebalaseleyo yamandla kaYehova.
◆—Ungubani “umthanjiswa” kaYehova?
Kule ndinyana “umthanjiswa” ngabantu abanyuliweyo bakaYehova, njengoko sesibonile kumgca ongentla othi “uYehova ungamandla kubo.” La mazwi anentsingiselo engokwesiprofeto efana naleyo ikuHabhakuki 3:13. Abonisa ukuhlangula kukaYehova intsalela yakhe ethanjisiweyo kwidabi laseArmagedon.
◆—Ilizwi likaYehova liyaphula njani imisedare?
Kule ndumiso amandla kaYehova achazwe kakuhle ngokufanisa ilizwi lakhe nendudumo. Isaqhwithi sihamba sisuka eLebhanon entla siye kwimimandla yentlango esemazantsi, sibangela uloyiko njengoko sihamba. (Indinyana 9b) Umoya waso ugungqisa imisedare yaseLebhanon, uyenza ‘idlobe njengenkonyana’ yaye imibane yaso ibetha eminye yemithi iwele phantsi, ‘iyaphula.’ Ngokufanayo, imimoya yesaqhwithi ‘iyenza isaqhwithi intlango’ (indinyana 8), uvumbulula intlabathi yasentlango ukuze ibengathi iyazibhijabhija kukuthuthunjelwa.
◆—Uyintoni ‘umoya womlomo kaYehova’?
Umoya, okanye impefumio, ochaziweyo apha ngumoya oyingcwele kaYehova, okanye amandla asebenzayo. Njengokuba amazwi nempefumlo yethu ziphuma kwimilomo yethu ngaxeshanye, ngokunjalo ilizwi likaYehova, okanye umthetho wakhe, apha uhambisana nempefumio yakhe, okanye umoya. UThixo wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele xa wayedala ilanga, inyanga neenkwenkwezi, oko kukuthi, wonke umkhosi wokomfuziselo wamazulu abonakalayo.—Thelekisa iGenesis 1:1, 2.
Esikufundayo koku: KwiNdumiso 26:5, uDavide wathi wayelithiyile ibandla labenzi bobubi. Namhlanje amangqina kaYehova ngokufanayo ayakuphepha ukunxulumana nabenzi bobubi. (1 Korinte 15:33) Kanye njengoko uDavide wabonakalisa umdia omkhulu kwindiu kaThixo, la maKristu okwenyaniso ayakuvuyela ukunxulumana omnye nomnye kwintlangano kaYehova.—INdumiso 26:6-8; 122:1.
“Makabongwe UYehova”
Funda INdumiso 35 ukuya kweyama-41. Into ebalaseleyo kule ngqokelela yiNdumiso 36, echaza uYehova njengoMthombo wobomi, neNdumiso 37, esiqinisekisa ngemivuzo yokugqibela yabafundisekayo. Enye ephawulekayo yiNdumiso 40, enamazwi aprofeta ngoYesu Kristu.
◆—Kutheni iintshaba zikaDavide zaziya ‘kutyandelana ngoshiyi’?
IsiHebhere ngokoqobo sibabiza ngokuthi ‘iintshaba zam ezisebuxokini.’ Oko kukuthi, intiyo yazo yayibangelwa ziintshukumisa ezimbi. UDavide wayengenzanga nto ifanelekele ubutshaba bazo, yaye wathandazela ukuba zingabi nathuba lokugcoba okanye zivuyisane ngaye. (Indinyana 19a) Ngoko, wacela ukuba iintshaba zakhe ezinenzondo zingabi nasizathu ‘sakutyandelana ngoshiyi,’ kuba ukutyandelana ngoshiyi okunjalo kwakuya kubonakalisa ubungqina bokuba zazivuyiswa kukuphumelela kwamayelenqe azo amabi. (IMizekeliso 10:10; 16:29, 30) UYesu wacaphula le ndinyana waza wayisebenzisa kwabo babemthiyile.—Yohane 15:24, 25.
◆ —Ngaba abangendawo ngolo hiobo bakha banayo ingqiqo?
Kubonakala ukuba kwakukho inguquko ekuziphatheni komntu onjalo yaye wayengasekuko oko wayekade esithi ukuko. Mhlawumbi wayekacfe ebonakalisa ubulumko yaye esenza izinto ezilungileyo. Kodwa wayekushiyile oko, waba ngumwexuki. UKumkani uSawule yayingulowo washiya ikhondo lobulumko, ebonakalisa intiyo kuDavide. (1 Samuweli, isahluko 18) Bambi abaphengululi bade babe nemvo yokuba uDavide wayibhala le mbekiseloecinga ngoSawule.
◆ —Athetha ukuthini amazwi athi, “lindlebe zam uzivulile”?
Oku kunokuthetha ukuba uYehova wabangela iindlebe zikaDavide ziphulaphule ulwalathiso lukaThixo, okanye uYehova wadala iindlebe awayeyakuthi ngazo uDavide eve imiyalelo Yakhe. Okubangel’ umdla kukuba, kwiSeptuagint la mazwi aguqulelwe ngokuthi: “Undilungiselele umzimba.” Nokuba nguwuphi na umthombo wale nguqulo, inengcamango esisiseko efana neyesiHebhere. Oko kukuthi, igxininisa imfuneko yentobelo. (Thelekisa eyoku1 kaSamuweli 15:22; Hoseya 6:6.) UPawulos le ndinyana wayibhekisela kuYesu Kristu. (Hebhere 10:5-10) Ekubeni uPawulos wasebenzisa inguqulelo yeSeptuagint, ibinzana elithi “undilungiselele umzimba” ngoku liyinxalenye yaso “sonke isibhalo” ‘esiphefumlelwe nguThixo.’—2 Timoti 3:16.
Esikufundayo koku:INdumiso 37 isiqulethele izifundo ezininzi, njengoko siphila phakathi kwesizukulwana esingendawo. Nakubeni abenzi bobubi bephumelela, akufuneki sibe nomona size sizame ukubaxelisa. Kunoko, kufuneka sithi ‘cwaka kuYehova,’ singafumani siphoso kodwa, kunoko, ngokuzolileyo sikholose ngaye ukuba wothabatha inyathelo ngenxa yethu ngelilelakhe ixesha.—INdumiso 37:5,7.
Ewe, liNdumiso zinikela amazwi amaninzi akhuthazayo nathuthuzelayo. Ezi ndumiso zingama-41 zokuqala zibonise ngokuphindaphindiweyo ukuba, nokuba iimeko zethu ziqatha na, uYehova akasayi kusishiya. Ngokuqinisekileyo, emva kokuzifunda, simele sishukunyiswe ukuba siwaphinde amazwi aqukumbela INdumiso 41: “Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Amen, amen.”