Imibuzo Evela Kubafundi
Kutheni amanani akwincwadi yeeNdumiso engafani kwiinguqulelo ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile?
IBhayibhile epheleleyo yokuqala ukuba nezahluko neendinyana yinguqulelo yesiFrentshi eyapapashwa nguRobert Estienne ngowe-1553. Noko ke, kubonakala ukuba incwadi yeeNdumiso yayahlulahlulwe kude kudala ngaphambi kwelo xesha, ekubeni yayiquka iindumiso okanye iingoma zabantu abahlukahlukeneyo.
Kuyabonakala ukuba, uYehova kuqala walathisa uDavide ukuba ahlanganise iindumiso ezaziza kusetyenziselwa unqulo lwasesidlangalaleni. (1 Kronike 15:16-24) Kukholelwa ukuba uEzra, umbingeleli ‘nomkhupheli olichule,’ kamva wahlanganisa incwadi yeeNdumiso iphela ngokwendlela eyiyo namhlanje. (Ezra 7:6) Ngoko ke kubonakala ukuba incwadi yeeNdumiso yayiyilwe ziindumiso ezahlukahlukeneyo ngaphambi kokuhlanganiswa kwayo.
Kwintetho eyayinikelwa ngumpostile uPawulos kwindlu yesikhungu yakwa-Antiyokwe (ePisidiya) kuhambo lwakhe lokuqala lwasemazweni, wacaphula kwincwadi yeeNdumiso waza wathi: “Kwananjengoko kubhaliwe kwindumiso yesibini kwathiwa, ‘Ungunyana wam, ndiye ndaba nguYihlo ngalo mhla.’” (IZenzo 13:33) KwiiBhayibhile zanamhlanje, loo mazwi asabonakala kwindumiso yesibini, kwindinyana 7. Noko ke, kukho umahluko kwiinombolo zezi ndumiso kwiinguqulelo ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile. Oku kungenxa yokuba ezinye iinguqulelo zisekelwe kumbhalo wamaMasorete wesiHebhere, ngoxa eminye isekelwe kwiSeptuagint yesiGrike, eyinguqulelo yombhalo wesiHebhere owagqitywa ngenkulungwane yesibini Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Ngokomzekelo, iVulgate yesiLatin, eziguqulelwe kuyo iiBhayibhile ezininzi zamaKatolika, isebenzisa iinombolo zeendumiso ezifumaneka kwiSeptuagint, ngoxa INguqulelo Yehlabathi Elitsha nezinye zisebenzisa ezifumaneka kumbhalo wesiHebhere.
Nguwuphi lo mahluko ungqalileyo? Umbhalo wesiHebhere uneendumiso ezili-150 xa zizonke. Noko ke, iSeptuagint, ihlanganisa INdumiso 9 neye-10 njengendumiso enye neNdumiso 114 neye-115 njengenye. Ngaphezu koko, yahlulahlula INdumiso 116 neye-147 nganye ibe ziindumiso ezimbini. Ngoxa inani lazo xa zizonke lifana, iinombolo ukususela kwiNdumiso 10 ukusa kwiNdumiso 146 kwiSeptuagint zingaphantsi ngendumiso enye kunombhalo wesiHebhere. Ngenxa yoko, INdumiso 23 eyaziwayo ibonakala njengeNdumiso 22 kwiDouay Version, elandela indlela yokubhala iinombolo zeVulgate yesiLatin, yona elandela iSeptuagint.
Okokugqibela, iinombolo zeendinyana zezinye iindumiso zisenokubonakala zahlukile kwinguqulelo nganye. Ngoba? Oku kungenxa yokuba ezinye iinguqulelo zilandela “inkqubo yamaYuda yokubhala umbhalo osemantla njengendinyana yokuqala,” ngokutsho kweMcClintock and Strong’s Cyclopedia, kodwa ezinye azikwenzi oku. Enyanisweni, ukuba umxholo okanye umbhalo osemantla mde, ngokuqhelekileyo ubalwa njengeendinyana ezimbini, yaye iinani leendinyana kwindumiso landa ngokuvumelana noko.