Balumkeleni Abawexuki!
Iimbalasane Zencwadi KaYuda
ABAKHONZI bakaYehova bamele ‘bakuthiye okungendawo banamathele kokulungileyo.’ (Roma 12:9) Umbhali weBhayibhile uYuda wanceda abanye ukuba bakwenze oku kwincwadi yakhe awabathumelela yona esePalestina mhlawumbi malunga nowama-65 C.E.
UYuda wazibiza ngokuba ‘ungumkhonzi kaYesu Kristu, umzalwana ke kaYakobi.’ Lo Yakobi ngokucacileyo wayengumntakwabo Yesu Kristu ngonina odumileyo. (Marko 6:3; IZenzo 15:13-21; Galati 1:19) Ngaloo ndlela uYuda ngokwakhe wayengumntakwabo Yesu ngonina. Noko ke, usenokuba wacinga ukuba akufanelekanga ukukhankanya eli qhina lingokwenyama, ekubeni uKristu ngoko wayengumntu wokomoya ozukisiweyo ezulwini. Incwadi kaYuda yayingqale kakhulu ekunikeleni isiluleko esinokusinceda ukuba ‘sinamathele kokulungileyo’ size sibalumkele abawexuki.
‘Zamani’
Nangona uYuda wayezimisele ukubhala ngosindiso amaKristu adlelana ngalo, wakufumanisa kuyimfuneko ukubabongoza abafundi bakhe ukuba ‘baluzamele ukholo.’ (Yuda Indinyana 1-4) Ngoba? Ngenxa yokuba abantu abangahloneli Thixo baye banyebelezela ebandleni yaye ‘babelujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu.’ Ngokuphosakeleyo babecinga ukuba babenokuyaphula imithetho kaThixo baze sekunjalo bahlale phakathi kwabantu bakhe. Kwanga singangaze siyekelele kwingqiqo enjalo engendawo kodwa ngamaxesha onke siphuthume ubulungisa, sinombulelo kuba ngegazi likaYesu uThixo ngenceba wasihlambulula kuzo izono zethu.—1 Korinte 6:9-11; 1 Yohane 1:7.
Izilumkiso Ezibekwe Phambi Kwethu
Kuyimfuneko ukuzilumkela izimo zengqondo ezithile, ihambo nabantu abathile. (Indinyana 5-16) Ngenxa yokuba amaSirayeli athile awayesindiswe eYiputa aswela ukholo, atshatyalaliswa. Izithunywa zezulu ezasishiyayo isigxina sazo esifanelekileyo ‘zigcinelwe umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko [esingokomoya].’ Ukuziphatha kakubi okunzulu kwezisa “ubetho lomlilo ongunaphakade” phezu kweSodom neGomora. Ngoko ke, masisoloko simkholisa uThixo yaye singaze siwushiye “umendo wobomi.”—INdumiso 16:11.
Ngokungafaniyo nesiphatha-zithunywa uMikayeli, ongazange amgwebe ngamazwi okunyelisa uMtyholi, aba bantu bangahloneli Thixo bayabanyelisa ‘abazukisiweyo,’ ngokucacileyo abo banozuko oluthile abalunikwe nguThixo noKristu njengabadala abathanjisiweyo. Masingabonakalisi indelelo ngegunya elimiselwe nguThixo!
Umzekelo ombi kaKayin, kaBhileham nokaKora walandelwa ngabangahloneli Thixo. Babezizisongelo ezingokomoya ezifaniswa namatye afihlakele ngaphantsi kwamanzi yaye babenjengamafu angenamanzi nemithi efileyo eneengcambu ezingaphandle engavelisi nto iyingenelo. Abo bawexuki babekwangabakrokri, abasoli ‘nabancoma ubuso bomntu ngenxa yenzuzo.’
Qhubekani Nixhathisa
Ngokulandelayo uYuda wanikela icebiso ngokuxhathisa iimpembelelo ezimbi. (Indinyana 17-25) Kwakuya kubakho abagxeki “ngexesha lokugqibela,” yaye namhlanje amaKristu okwenyaniso amele abanyamezele bona namazwi abawathethayo bengcikiva. Ukuze sixhathise iimpembelelo ezinjalo ezimbi, sifanele sizakhe ‘elukholweni lwethu olungcwele,’ sithandaze sikumoya oyingcwele, size sihlale sihleli eluthandweni lukaThixo, ngoxa siyilindile inceba kaYesu ukuba ibonakaliswe.
Ngokucacileyo bengabefundisi bobuxoki, abathile abangahloneli Thixo babangela ukuba abanye bathandabuze. (Thelekisa eyesi-2 kaPetros 2:1-13.) Yaye yintoni eyayifuneka kwabathandabuzayo? Kaloku, luncedo olungokomoya lokuba baphangwe “emlilweni,” intshabalaliso engunaphakade! (Mateyu 18:8, 9) Kodwa abahlonela uThixo abamele boyike ukuphelela apho, kuba uYehova uya kubakhusela ukuba ‘bangakhubekeli’ kwisono nakwintshabalalo elindele abawexuki.
[Ibhokisi ekwiphepha 31]
Amatye Afihlakeleyo: UYuda wawalumkisa amaKristu angoowabo ‘ngamatye afihlakele ngaphantsi kwamanzi ezidlweni zawo zothando.’ (Yuda 12) Besenza ngathi bayawathanda amakholwa, abawexuki abanjalo babenjengamatye angaphantsi kwamanzi arhabaxa awayenokwaphula iinqanawa okanye akrazule aze abulale abaqubhayo. Izidlo zothando kusenokuba yayiyimigidi apho amaKristu awayemi kakuhle ngezinto eziphathekayo ayemema amakholwa angoowawo angamahlwempu. UMseki weCawa uChrysostom (347?–407 C.E.) wathi: “Bonke babehlanganisana kwisidlo esiqhelekileyo: abazizityebi bezisa amalungiselelo, yaye abangamahlwempu nabo babengenanto babemenywa, bonke babesidla kunye ngokuqhelekileyo.” Enoba zaziluhlobo luni na izidlo zothando zamandulo, isilumkiso sikaYuda sanceda abathembekileyo ukuba balumkele ‘amatye afihlakeleyo’ angabawexuki awayenokubangela ukufa ngokomoya. Nangona amaKristu ayengayalelwanga ukuba abe nezidlo zothando, yaye azibikho namhlanje, abantu bakaThixo bayancedana ngezinto eziphathekayo xa kukho intswelo enjalo yaye banobudlelane obuvuyisayo.