UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | 2 YOHANE 1-13; 3 YOHANE 1-14–YUDE 1-25
Simele Sikulwele Ukuhlala Enyanisweni
UYesu wathi: “Zibhokoxeni ngamandla ukungena ngomnyango omxinwa.” (Luk 13:24) La mazwi kaYesu abonisa ukuba simele senze konke esinako ukuze sithandwe nguThixo. UYude, umninawa kaYesu, naye wabhala amazwi afanayo, wathi: “Nilulwele nzima ukholo.” Kufuneka sisebenze nzima ukuze senze ezi zinto:
Singaziphathi kakubi ngokwesini.—Yude 6, 7
Sibahloniphe abasiphetheyo.—Yude 8, 9
Siqinise ukholo esinalo ngeemfundiso zeBhayibhile.—Yude 20, 21