Ukuhlanganisana Nabo Boyika UThixo
“KUZO zonke iindawo abantu balangazelela ukukhululeka kuloyiko—ukoyika ugonyamelo, ukoyika ukungaqeshwa, nokoyika isifo esiyingozi. Nathi siyakulangazelela oko. . . . Ngoko ke, kutheni sixubusha ngendlela yokuhlakulela uloyiko?” Loo mbuzo ubangel’ umdla wabuzwa sisithethi esanikela intetho engumxholo kuzo zonke iiNdibano ZeSithili “Zokoyika UThixo,” ezaqalisa ngoJuni 1994.
Izigidi zabo babekho—okokuqala kuMntla Merika, kwandula ke kamva eYurophu, kuMbindi noMzantsi Merika, eAfrika, eAsia naseziqithini zolwandle—zazinqwenela ukufunda ukuhlakulela uloyiko olunjalo. Ngoba? Kuba ukufumana kwethu iintsikelelo uYehova uThixo azigcinele abantu bakhe kuxhomekeke ekoyikeni kwethu uThixo. Yayikukufuna ukufunda ngokoyika uThixo okwabangela abo babekho endibanweni bahlanganisane kunye, ibe ebudeni bocwangciso lweentsuku ezintathu, bafunda lukhulu ngolu phawu lubalulekileyo lwamaKristu.
“Yoyika UThixo, Ugcine Imithetho Yakhe”
Lowo yayingumxholo wosuku lokuqala lwendibano, osekelwe kwiNtshumayeli 12:13. Kuthetha ukuthini ukoyika uThixo? Kwintetho yokuqala kucwangciso, usihlalo wendibano wacacisa ukuba ukoyika uThixo kubonisa ukumoyika nokumhlonela ngokunzulu uYehova ndawonye noloyiko olufanelekileyo lokungamkholisi. Ukumoyika ngolo hlobo uThixo akungcangcazelisi; kuyimpilo yaye kufanelekile.
Singenelwa njani kolu loyiko luyimpilo? Intetho elandelayo ethi, “Musa Ukudinwa Uze Unikezele,” yacacisa ukuba ukoyika uThixo kuya kusishukumisela ukuba sigcine imithetho kaThixo ngovuyo. Ndawonye nothando ngoThixo nommelwane, uloyiko olunjalo luya kusinika amandla okomoya. Ewe, ukoyika uThixo kunokusinceda sikuphephe ukuyekelel’ umxakatho kugqatso lobomi obungunaphakade.
Emva koko kucwangciso kwalandela udliwano-ndlebe olwanikela ubungqina obuphilayo bokuba ukoyika uThixo kunokusomeleza. Abo kwadliwan’ indlebe nabo babalisa indlela ukoyika uThixo ngokunzulu okubaphembelele ngayo baqhubeka kubulungiseleli phezu kwako nje ukungabikho komdla, okanye intshutshiso kwaza kwabanceda banyamezela naxa kuvela izilingo ezinzima zobuqu.
Noko ke, kutheni abanye abantu bemoyika uThixo ngoxa abanye bengamoyiki? Kwintetho ethi “Ukuhlakulela Ukoyika UThixo Nokungenelwa Kuko,” isithethi esanikela intetho engumxholo sacacisa ukuba kuYeremiya 32:37-39, uYehova wathembisa ukuba Yena wayeya kubanika intliziyo eyoyika uThixo abantu Bakhe. UYehova ufaka ukoyika uThixo kwiintliziyo zethu. Njani? Ngomoya wakhe oyingcwele nangeLizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile. Phofu ke, licacile elokuba simele senze umgudu onyanisekileyo wokufundisisa iLizwi likaThixo size siwasebenzise ngokuzeleyo amalungiselelo okomoya amaninzi awenzileyo. La aquka iindibano zethu neentlanganiso zebandla, ezisinceda sifunde ukumoyika.
Ucwangciso lwasemva kwemini lwavula ngesiluleko sokukholosa ngoYehova nangeLizwi lakhe. Oku kwalandelwa yingxubusho yeendlela ezisisiseko uBukumkani obufanele buchaphazele ngazo ubomi bethu njengamaKristu.
Kwandula ke kwalandela ungcelele lokuqala lweentetho kolwabakho izihlandlo ezithathu kwindibano. Umxholo wolu ngcelele lweentetho wawusithi “Ukoyika UThixo Kusishukumisela Ukuthobela Oko Kufunwa NguThixo,” lwatsalela ingqalelo kwintsapho. Oku kulandelayo ngumzekelo wecebiso elingokweZibhalo nelisebenzisekayo elanikelwayo.
□ Kumadoda: Ukoyika uThixo kufanele kushukumisele indoda ukuba imthande umkayo njengomzimba wayo. (Efese 5:28, 29) Indoda ayithi ngabom yenzakalise umzimba wayo, izihlazise phambi kwabahlobo bayo, okanye ihlebe ngeentsilelo zayo. Ngoko ke, ifanele imphathe umkayo ngesidima nangentlonelo efanayo naleyo iyifunayo.
□ Kubafazi: Ukoyika uThixo kukaYesu kwamshukumisela ukuba ‘ngamaxesha onke amkholise uThixo.’ (Yohane 8:29) Esi sisimo sengqondo esihle kubafazi ukuba basixelise xa beqhubana namadoda abo.
□ Kubazali: Abazali abangamaKristu banokubonisa ukoyika uThixo ngokuzithabatha nzulu iimbopheleleko zokuba ngumzali, bebajonga abantwana babo njengelifa likaYehova. (INdumiso 127:3) Usukelo oluyintloko lwabazali lufanele lube kukukhulisa abantwana babo babe ngamaKristu okwenyaniso.
□ Kubantwana: UYehova uyalela abantwana ukuba babathobele ‘abazali babo ngokwabaseNkosini.’ (Efese 6:1) Ngenxa yoko, ukuthobela abazali babo kukuthobela uThixo.
Intetho yokuqukumbela ngolo suku yahlab’ umxhelo, kuba yaxubusha ngeemvakalelo ezinzulu sonke esihlangabezana nazo xa sifelwa ngumntu esimthandayo. Phofu ke, kanye phakathi kwintetho, kwabakho okuthile okumangalisayo. Isithethi savuyisa abaphulaphuli ngokubazisa ngokukhululwa kwencwadana enemifanekiso entsha ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Le mpapasho inamaphepha angama-32, enemibala ngemibala ithetha okuninzi okunokunceda abo basentlungwini baqonde baze bajamelane neemvakalelo ezivelayo emva kokufa kwalowo bamthandayo. Ngaba wakha waxakwa yinto ofanele uyithethe kumntu ofelweyo? Icandelo lale ncwadana inemifanekiso lixubusha ngendlela esinokubanceda ngayo abo basentlungwini. Ngoxa luphulaphule kwisithethi, uninzi lwabaphulaphuli lwalucinga ngothile owayenokungenelwa kule ncwadana inemifanekiso intsha.
‘Nikelani Inkonzo Engcwele Ninokoyika UThixo’
Lowo yayingumxholo wosuku lwesibini, osekelwe kumaHebhere 12:28, (NW). Ebudeni bocwangciso lwakusasa kwabakho ungcelele lweentetho lwesibini oluthi, “Amabandla Ahamba Ngokoyika UYehova.” Inxalenye yokuqala yaxubusha ngokubakho kwiintlanganiso. Ubukho bethu kwiintlanganiso bubonakalisa intlonelo yethu ngoThixo nangamalungiselelo akhe okomoya. Ngokubakho, sibonisa ukuba siyaloyika igama lakhe yaye silangazelela ukuthobela ukuthanda kwakhe. (Hebhere 10:24, 25) Isithethi sesibini sacacisa ukuba ukuze ibandla liphela lihambe ngokoyika uYehova, mntu ngamnye umele enze indima yakhe ekulondolozeni ihambo entle. Isithethi sokugqibela sathetha ngelungelo nangembopheleleko onke amaKristu anayo—ukuvakalisa iindaba ezilungileyo ngaphandle kokuyekelela. Siya kushumayela kude kube nini? De uYehova athi kwanele.—Isaya 6:11.
Umxholo wentetho elandelayo wawusithi “Uvuyo LukaYehova Ligwiba Lakho,” njengoko ngoku igutyungelwe kumanqaku afundisiswayo kweli phephancwadi. (Nehemiya 8:10) Kutheni abantu bakaYehova bevuya? Isithethi sandlala izizathu eziliqela. Esona sibaluleke kunene sesokuba ulwalamano olusondeleyo noThixo lusenza abona bantu bavuyayo emhlabeni. Khawufan’ ucinge, isithethi sakhumbuza abo babekho endibanweni ukuba, sinelungelo lokuba phakathi kwabantu aye uYehova wabatsalela kuYesu Kristu. (Yohane 6:44) Esinjani sona ukuba namandla isizathu sokuvuya!
Imbalasane yazo zonke iindibano lubhaptizo, ibe iiNdibano “Zokoyika UThixo” zazingahlukanga. Kwintetho ethi “Ukuzahlulela Nokubhaptizelwa Ekoyikeni UYehova,” isithethi sacacisa ukuba iimbopheleleko zobuqu zabo bonke abantu ababhaptiziweyo zintlu-ne: (1) Simele sifundisise iLizwi likaThixo ngoncedo lweempapasho ezisinceda siliqonde size silisebenzise; (2) simele sithandaze; (3) simele sinxulumane namanye amakholwa kwiintlanganiso zebandla; yaye (4) simele singqinele igama likaYehova noBukumkani bakhe.
Ucwangciso lwasemva kwemini ngoMgqibelo lwaqalisa ngombandela okhuthazayo othi “Abantu Abangalahlwanga NguYehova.” Kwiinkulungwane ezingama-35 ezadlulayo, xa uhlanga lwakwaSirayeli lwalujamelene namaxesha anzima, uYehova wanikela isiqinisekiso ngoMoses, esithi: ‘UYehova uThixo wakho akayi kukuyekela, akayi kukushiya.’ (Duteronomi 31:6) UYehova wangqineka ethembekile kweso siqinisekiso ngokuwakhusela amaSirayeli ekungeneni kwawo kwiLizwe Ledinga nasekulithabatheleni kuwo. Namhlanje, xa sijamelana nezilingo ezinzima, nathi sinokuba nentembelo epheleleyo yokuba uYehova akayi kusilahla, ukuba sihlala sisondele kuye size sithobele isiluleko seLizwi lakhe.
Unokulufumana njani uvuyo ekufundeni iBhayibhile? Kwintetho ethi “Funda ILizwi LikaThixo, IBhayibhile Engcwele, Yonke Imihla,” isithethi sacebisa ukufunda iBhayibhile ngengqondo efuna ukwazi ubuza imibuzo enjengale: Le ngxelo indifundisa ntoni ngeempawu neendlela zikaYehova? Ndinokufana ngakumbi njani noYehova kwezi nkalo? Ukufunda iBhayibhile ngale ndlela ngamava avuyisayo nanomvuzo.
Kwakhona kwatsalelwa ingqalelo kungcelele lweentetho lwesithathu kolu cwangciso, “Amalungiselelo Okunceda Abo Bamoyikayo UYehova.” Nangona uYehova engenakubenzela imimangaliso abakhonzi bakhe namhlanje, ngokuqinisekileyo uyabanceda abo bamoyikayo. (2 Petros 2:9) Olu ngcelele lweentetho lwahlolisisa amalungiselelo amane avela kuYehova okusinceda kula maxesha anomngcipheko: (1) Ngomoya wakhe, uYehova usinika amandla okuphumeza imisebenzi engaphezulu kunamandla ethu. (2) NgeLizwi lakhe, usinika isiluleko nolwalathiso. (3) Ngentlawulelo, usinika isazela esicocekileyo. (4) Ngentlangano yakhe, kuquka abadala, usinika ukhokelo nenkuselo. (Luka 11:13; Efese 1:7; 2 Timoti 3:16; Hebhere 13:17) Ngokuwasebenzisa ngokuzeleyo la malungiselelo, siya kukwazi ukunyamezela size ngaloo ndlela sizuze inkoliseko kaYehova.
Intetho yokugqibela emva kwemini ngoMgqibelo yayinomxholo othi “Imini KaYehova Eyoyikekayo Isondele,” isekelwe kwisiprofeto sikaMalaki. Kuye kwakho imihla eyoyikekayo embalini, njengaxa kwakuphunyezwa umgwebo kwiYerusalem ngowama-70 C.E. Kodwa eyona mini yoyikekayo kwezakha zafikela abantu iya kuba yimini kaYehova ezayo xa ‘ephindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi uYesu.’ (2 Tesalonika 1:6-8) Kusondele kangakanani oko? Isithethi sathi: “Isiphelo asifikanga sigalelekile! UYehova uyawazi umhla neyure. Akayi kuyitshintsha indlela alicwangcise ngayo ixesha lakhe. Sonke sikhuthazwa ukuba sinyamezele ngomonde.”
Kwakunzima ukukholelwa ukuba iintsuku ezimbini zazisele zidlule. Lwalufumbethe ntoni usuku lokugqibela?
“Moyikeni UThixo, Nimzukise”
Lo mxholo wosuku lwesithathu wawusekelwe kwiSityhilelo 14:7. Ebudeni bocwangciso lwakusasa, ungcelele lweentetho lwabalaselisa ezinye zeemfundiso ezisisiseko ezahlula amaNgqina kaYehova kuzo zonke ezinye iintlangano zonqulo.
Kwintetho ethi “Kuya Kubakho Uvuko Lwamalungisa,” isithethi saphakamisa umbuzo obangel’ umdla: “Ebudeni baloo Mini yoMgwebo eliwaka leminyaka, baya kuvuswa nini abo baye bafa bethembekile kule minyaka yokugqibela yenkqubo yezinto kaSathana?” Yathini impendulo? “IBhayibhile ayisixeleli,” sacacisa isithethi. “Noko ke, ngaba akukho ngqiqweni ukuthi abo bafa kumhla wethu baya kuvuswa kuqala ukuze babe nesabelo kunye nesihlwele esikhulu sabasinde kwiArmagedon kumsebenzi omkhulu wokufundisa oza kwenziwa ukutyhubela iMini yoMgwebo? Ngokuqinisekileyo, oko kusengqiqweni!” Ngaba baya kubakho abaya kusinda? Ngokuqinisekileyo baya kubakho. Iimfundiso nemizekelo yeBhayibhile eqinisekisa oku yacaciswa ngokucacileyo kwintetho elandelayo ethi, “Baya Kusindiswa Bephila Kwimbandezelo Enkulu.”
AmaNgqina kaYehova kudala eqonda ukuba iBhayibhile iqulethe ikamva leendawo ezimbini—ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadisi kwizigidi ezingenakubalwa nobomi bokungafi ezulwini kwinani elilinganiselweyo eliya kulawula noKristu kuBukumkani bakhe. Ithemba lasezulwini laxutyushwa kwintetho ethi “Musani Ukoyika, Mhlambi Mncinane.” (Luka 12:32) Phezu kwayo nje imeko yehlabathi ekhoyo, umhlambi omncinane awumele woyike, ngamnye kuwo umele anyamezele de kube sekupheleni. (Luka 21:19) Isithethi sathi: “Ukungoyiki kwabo kuyabakhuthaza abo besihlwele esikhulu. Nabo bafanele bahlakulele isimo sengqondo sokungoyiki njengoko belindele inkululeko ebudeni belona xesha lineenkathazo elikhe lakho emhlabeni.”
Ngasekupheleni kocwangciso lwakusasa, abaphulaphuli bavuyiswa kukubukela umdlalo weBhayibhile othi Ukhetho Ojamelene Nalo. Ngemihla kaYoshuwa, neyomprofeti uEliya, amaSirayeli kwakumele enze isigqibo. Kwakumele kwenziwe ukhetho. UEliya wathi: “Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena.” (1 Kumkani 18:21) Nanamhlanje, uluntu lumele lwenze isigqibo. Eli asiloxesha lokuba mbaxa. Luluphi ukhetho olulungileyo? Lolo uYoshuwa wamandulo walwenzayo. Wathi: “Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.”—Yoshuwa 24:15.
Kwabonakala ngathi imva kwemini yangeCawa nexesha lentetho yesidlangalala enomxholo othi “Isizathu Sokuba Umoyike Ngoku UThixo Oyinyaniso,” yayifike ngesiquphe. KwiSityhilelo 14:6, 7, lonke uluntu luyabongozwa: “Moyikeni uThixo, nimzukise.” Kutheni kungxamisekile ukoyika uThixo ngoku? Kuba, njengokuba esi sibhalo sihlabela mgama sisenjenje, “lifikile ixa lokugweba kwakhe.” NgoNyana wakhe, ngoku obekwe etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini, uYehova uya kuphelisa le nkqubo ikhoyo yezinto ingcolileyo nenemvukelo. Isithethi sacacisa ukuba yile ndlela kuphela eya kuzisa isiqabu kwabo boyika uThixo ndawonye nokusindisa nokulondoloza ikhaya lethu elingumhlaba. Ekubeni le iyimihla yokugqibela yale nkqubo yezinto, kungxamisekile ukuba simoyike ngoku uThixo oyinyaniso!
Emva koshwankathelo lwesifundo seMboniselo saloo veki, isithethi sokugqibela sakhwela eqongeni. Ngenxa yocwangciso lwendibano, ukoyika uThixo kuye kwanentsingiselo enkulu kwabo babekho endibanweni, sacacisa satsho. Sabalaselisa iingenelo ezininzi ezifunyanwa ngabo boyika uThixo. Isithethi sazisa ngokukhululwa kwevideo entsha ethi—United by Divine Teaching. Ibalaselisa iinkalo ezikhethekileyo zeeNdibano zeZizwe Ngezizwe “Zemfundiso Yobuthixo” ezaqhutywa ngowe-1993-94. Njengoko intetho yayisiya ngasekupheleni, uninzi lwaluzibuza, ‘Yintoni esinokuyilindela kunyaka ozayo?’ Ziindibano zesithili zeentsuku ezintathu kwiindawo ezininzi.
Ekuqukumbeleni, isithethi sabhekisela kuMalaki 3:16, othi: “Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.” Abo babekho endibanweni bemka benozimiselo olupheleleyo lokucinga ngegama likaYehova baze bamkhonze ngokoyika uThixo.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Abo babhaptizwayo kufuneka baqhubeke bebonakalisa ukoyika uThixo
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Umdlalo othi “Ukhetho Ojamelene Nalo” wabethelela kubaphulaphuli imfuneko yokwenza isigqibo sokukhonza uYehova
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Abo babekho endibanweni bavuyiswa kukufumana incwadana enemifanekiso entsha ethi “Xa Umntu Omthandayo Esifa”