Ukusinda Ngexesha Leentlekele
Ivenkile Enemigangatho Emihlanu Eseoul, Ekorea, Yawa Ngesiquphe, Ivalela Amakhulu Abantu Ngaphakathi! Abahlanguli Basebenza Ubusuku Nemini Bezama Ukusindisa Ubomi Babantu Abaninzi Kangangoko Kunokwenzeka. Njengoko Iintsuku Zazihamba, Amathuba Okufumana Abantu Abangakumbi Abasindileyo Abawelwe Yingqumba Enkulu Yamatye Naziintsimbi Aqalisa Ukuphela.
Njengokuba kwakungasekho themba lakufumana nabani na osindileyo, kwenzeka into emangalisayo. Kwavakala isikhalo esilusizi, sivakala ngaphantsi kwamatye. Abo babengabahlanguli bagrumba ngokukhawuleza ngezandla zabo ukuze bakwazi ukukhupha ibhinqa elineminyaka eli-19 ubudala elalingcwatywe liphila kangangeentsuku ezili-16. Intsimbi yesinyusi eyayiwile yawela ecaleni kwalo yaye yakwazi ukulikhusela kumatye awayo. Nangona laliphelelwe ngamanzi emzimbeni walo, lasinda ekufeni!
Kule mihla, phantse nyanga nganye kukho ingxelo, enoba yeyenyikima, isaqhwithi esingamandla, ukugqabhuka kwentaba-mlilo, ingozi okanye indlala. La mabali okuhlangulwa nawabo basindileyo ayazichukumisa izigidi ezithanda iindaba. Noko ke, isilumkiso sokuza kwentlekele—leyo inkulu kunayo nayiphi na embalini—siye satyeshelwa ngabona bantu baninzi. (Mateyu 24:21) IBhayibhile ichaza esi siganeko sizayo ngala mazwi: “Yabonani, ububi buya kuphuma eluhlangeni, buye eluhlangeni, umoya omkhulu ovuthuzayo uvuke esinqeni sehlabathi. Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi, bangambanjazelelwa, bangahlanganiswa, bangangcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba.”—Yeremiya 25:32, 33.
La mazwi ayoyikisa! Kodwa ngokungafaniyo neentlekele zokwemvelo neengozi, le ntlekele ayiyi kuba kukubulala okungakhethiyo. Eneneni, ukusinda—ukusinda kwakho—kuyinto enokwenzeka!
Ixesha Longxamiseko
Ukuze akwazi ukukuqonda oku ngokuzeleyo, ubani umele aqonde kuqala isizathu sokuba kuza kwenzeka le ntlekele yomhlaba wonke. Eneneni, ikuphela kwesicombululo sokwenene kwiingxaki zoluntu. Namhlanje ngabantu abambalwa kuphela abaziva bekhuselekile yaye benqabisekile. Phezu kwayo nje imizamo yezenzululwazi, izifo ezosulelayo ziyaqhubeka zitshabalalisa abantu emhlabeni wonke. Iimfazwe ezibangelwa yiyantlukwano kwezonqulo, kwezobuhlanga nakwezobupolitika zitshabalalisa abantu abangamawaka. Indlala yongeza kunxunguphalo nentlupheko yamadoda, abafazi nabantwana abamsulwa. Ukuwohloka kwemilinganiselo yokuziphatha konakalisa esona siseko soluntu; kwanabantwana bonakele.
Ngokuchana kwaso ngokumangalisayo, isiprofeto seBhayibhile esabhalwa kwiminyaka engaphezu kwe1900 eyadlulayo sichaza imeko esikuyo. Sithi: “Kufuneka uqonde ukuba ngemihla yokugqibela amaxesha aya kuzaliswa yingozi.”—2 Timoti 3:1, The New Testament in Modern English, nguJ. B. Phillips; thelekisa uMateyu 24:3-22.
Ngaba kubonakala kusengqiqweni kuwe ukuba uThixo onothando unokungasiphulaphuli isikhalo sethu? IBhayibhile ithi: “Umdali wezulu (nguye uThixo), uMenzi wehlabathi, uMseki walo, . . . akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe.” (Isaya 45:18) Ewe, kunokuba avumele esi sijikelezi-langa ukuba sonakaliswe nokuba bonke abemi baso batshatyalaliswe, uThixo uya kungenelela. Umbuzo ngulo, Uya kukwenza njani oko?
Khetha Ubomi!
IBhayibhile iyaphendula kwiNdumiso 92:7: “Ekudubuleni kongendawo njengomfuno, ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga, kukuze batshabalale ngonaphakade.” Isicombululo sikaThixo kwiingxaki zomhlaba kukususwa kobungendawo. Okuvuyisayo kukuba, oku akuthethi ukuba bonke abantu kufuneka besusiwe. INdumiso 37:34 iyasiqinisekisa: “Thembela kuYehova, ugcine indlela yakhe; wokuphakamisa ulidle ilifa ilizwe; ekunqanyulweni kongendawo wobonela.”
La mazwi abonisa ukuba likho ithuba lokusindiswa kweyona ntlekele eza kwehlela uluntu. UThixo usinike ukhetho. Amazwi kaMoses awabongoza ngawo amaSirayeli njengoko ayelungiselela ukungena kwiLizwe Ledinga nanamhlanje asafanelekile: “Ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho.” (Duteronomi 30:19) Kodwa ubani ‘unokubunyula njani ubomi’ aze asindiswe? Usindiso lokwenene luthetha ntoni?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
COVER: Explosion: Copyright © Gene Blevins/Los Angeles Daily News
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Yunhap News Agency/Sipa Press