Levitikus 4:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 yonke inkunzi leyo yenkomo umele ayikhuphele ngaphandle kwenkampu+ kwindawo ehlambulukileyo apho kugalelwa khona uthuthu olunamafutha,+ aze ayitshise phezu kweenkuni ngomlilo.+ Mayitshiswe apho kugalelwa khona uthuthu olunamafutha. Levitikus 16:27 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 27 “Ke yona inkunzi yenkomo yomnikelo wesono nebhokhwe yomnikelo wesono, ezigazi lazo langeniswayo ukuba licamagushe endaweni engcwele, zokhutshelwa ngaphandle kwenkampu; zitshiswe ngomlilo izikhumba zazo nenyama yazo nomswane wazo.+ Numeri 19:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 “‘Uthuthu+ lwale mazi yenkomo maluwolwe yindoda ehlambulukileyo ize ilubeke ngaphandle kwenkampu endaweni ehlambulukileyo; yaye lumele lusetyenziswe yindibano yoonyana bakaSirayeli, lugcinelwe amanzi okuhlambulula.+ Ngumnikelo wesono ke lowo. Hebhere 13:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Ngoko ke noYesu, ukuze angcwalise+ abantu ngegazi lakhe,+ wabandezeleka ngaphandle kwesango.+
12 yonke inkunzi leyo yenkomo umele ayikhuphele ngaphandle kwenkampu+ kwindawo ehlambulukileyo apho kugalelwa khona uthuthu olunamafutha,+ aze ayitshise phezu kweenkuni ngomlilo.+ Mayitshiswe apho kugalelwa khona uthuthu olunamafutha.
27 “Ke yona inkunzi yenkomo yomnikelo wesono nebhokhwe yomnikelo wesono, ezigazi lazo langeniswayo ukuba licamagushe endaweni engcwele, zokhutshelwa ngaphandle kwenkampu; zitshiswe ngomlilo izikhumba zazo nenyama yazo nomswane wazo.+
9 “‘Uthuthu+ lwale mazi yenkomo maluwolwe yindoda ehlambulukileyo ize ilubeke ngaphandle kwenkampu endaweni ehlambulukileyo; yaye lumele lusetyenziswe yindibano yoonyana bakaSirayeli, lugcinelwe amanzi okuhlambulula.+ Ngumnikelo wesono ke lowo.