IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 13:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 “Xa kuthe kwavela enyameni yolusu lomntu ukujaduka okanye ukhwekhwe okanye ibala,+ laba sisibetho seqhenqa eluswini lwenyama yakhe,+ woziswa kuAron umbingeleli okanye komnye woonyana bakhe abangababingeleli.+

  • Levitikus 13:49
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 49 yaye ukuba isibetho eso siba luhlaza bulubhelu okanye sibe bubomvurha esambathweni okanye esikhumbeni okanye elusingeni lokuluka okanye emchakweni okanye kuyo nayiphi na impahla yesikhumba, sisibetho seqhenqa eso, yaye simele siboniswe umbingeleli.

  • Levitikus 14:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 “Lo woba ngumthetho woneqhenqa+ ngomhla wokusulungekiswa kwakhe, ekuzisweni kwakhe kumbingeleli.+

  • Duteronomi 24:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 “Uze uzilinde esibethweni seqhenqa,+ ukunyamekele kakuhle ukwenza ngokwako konke abaya kukuyalela ngako ababingeleli, abaLevi.+ Nize nikunyamekele+ ukwenza kanye njengoko ndibayalele.

  • Mateyu 8:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Wandula ke uYesu wathi kuye: “Qiniseka ukuba akuxeleli nabani na,+ kodwa hamba, uye kuzibonakalisa kumbingeleli,+ uze unikele isipho+ uMoses awasimiselayo, ngenjongo yokuba kube bubungqina kubo.”

  • Luka 5:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Waza wamnika loo mntu imiyalelo yokuba angaxeli nakubani na esithi:+ “Kodwa hamba uye kuzibonakalisa kumbingeleli,+ uze wenze umnikelo+ ngokuhlanjululwa kwakho, kanye njengoko uMoses walathisayo, ukuze kube bubungqina kubo.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share