Levitikus 13:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 “Xa kuthe kwavela enyameni yolusu lomntu ukujaduka okanye ukhwekhwe okanye ibala,+ laba sisibetho seqhenqa eluswini lwenyama yakhe,+ woziswa kuAron umbingeleli okanye komnye woonyana bakhe abangababingeleli.+ Levitikus 13:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Yaye wothi umbingeleli+ akuyibona inyama leyo ekrwada, avakalise ukuba akahlambulukanga. Inyama ekrwada ayihlambulukanga. Liqhenqa ke elo.+ 2 Kronike 26:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko nabo bonke ababingeleli bakumkhangela, tyhini, wayebethwe ngeqhenqa ebunzi!+ Ngoko baqala ukumshenxisa ngokungxama apho, naye wangxama ukuphumela ngaphandle, ngenxa yokuba wayebethwe nguYehova.+ Malaki 2:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Kuba imilebe yombingeleli ifanele igcine ukwazi, nomthetho bafanele bawufune emlonyeni wakhe abantu;+ kuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.+ Marko 1:44 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 44 wathi kuye: “Uze uqiniseke ukuba akuxeli nto nakubani na, kodwa hamba uye kuzibonakalisa kumbingeleli+ uze unikele ngenxa yokuhlanjululwa kwakho izinto uMoses awazalathisayo,+ ukuze kube bubungqina kubo.”+ Luka 17:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Akuwabona wathi kuwo: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.”+ Kwathi ke njengoko ayesiya ahlanjululwa.+
2 “Xa kuthe kwavela enyameni yolusu lomntu ukujaduka okanye ukhwekhwe okanye ibala,+ laba sisibetho seqhenqa eluswini lwenyama yakhe,+ woziswa kuAron umbingeleli okanye komnye woonyana bakhe abangababingeleli.+
15 Yaye wothi umbingeleli+ akuyibona inyama leyo ekrwada, avakalise ukuba akahlambulukanga. Inyama ekrwada ayihlambulukanga. Liqhenqa ke elo.+
20 Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko nabo bonke ababingeleli bakumkhangela, tyhini, wayebethwe ngeqhenqa ebunzi!+ Ngoko baqala ukumshenxisa ngokungxama apho, naye wangxama ukuphumela ngaphandle, ngenxa yokuba wayebethwe nguYehova.+
7 Kuba imilebe yombingeleli ifanele igcine ukwazi, nomthetho bafanele bawufune emlonyeni wakhe abantu;+ kuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.+
44 wathi kuye: “Uze uqiniseke ukuba akuxeli nto nakubani na, kodwa hamba uye kuzibonakalisa kumbingeleli+ uze unikele ngenxa yokuhlanjululwa kwakho izinto uMoses awazalathisayo,+ ukuze kube bubungqina kubo.”+
14 Akuwabona wathi kuwo: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.”+ Kwathi ke njengoko ayesiya ahlanjululwa.+