2 Kwakuba yisabatha, waqala ukufundisa kwindlu yesikhungu; yaye inani elikhulu ngakumbi labo babephulaphule lathi khamnqa laza lathi: “Lo mntu uzifumene phi ezi zinto?+ Yaye kutheni obu bulumko buye banikwa lo mntu, yaza nale misebenzi yamandla yenziwa ngezandla zakhe?