“Sixelele Ukuba Ziya Kubakho Nini Na Ezo Zinto?”
“Ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa.”—ISAYA 42:9.
1, 2. (a) Abapostile bakaYesu babuza ntoni ngekamva? (b) Impendulo kaYesu engomqondiso oyintlanganisela iye yazaliseka njani?
IMFUNDISO yobuthixo ivela kuYehova uThixo, “Lowo ukuxelayo kwasekuqaleni okungasemva.” (Isaya 46:10, NW) Njengoko inqaku elandulelayo libonisile, abapostile bayifuna kuYesu imfundiso enjalo, bembuza besithi: “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa?”—Marko 13:4.
2 Ebaphendula, uYesu wachaza “umqondiso” oyintlanganisela oquka ubungqina obabubonisa ukuba inkqubo yamaYuda yayisele iza kuphela. Oku kwazaliseka xa iYerusalem yatshatyalaliswayo ngowama-70 C.E. Kodwa isiprofeto sikaYesu sasiza kuzaliseka ngakumbi kwakhona kwiminyaka emininzi kamva. Akuba ephelile “amaxesha eentlanga,” ngowe-1914, umqondiso wawuya kubonakala ngomlinganiselo omkhudlwana, ubonisa ukuba kungekudala inkqubo ekhoyo engendawo yezinto yayiza kuphela ‘ngembandezelo enkulu.’a (Luka 21:24) Izigidi eziphilayo namhlanje zinokunikela ubungqina bokuba lo mqondiso uye wazaliseka kwiimfazwe zehlabathi nezinye iziganeko ezibalulekileyo zale nkulungwane yama-20. Nezi zikwaphawula inzaliseko enkudlwana yesiprofeto sikaYesu, njengoko yafanekiselwa koko kwenzekayo ukususela ngowama-33 ukusa kowama-70 C.E.
3. Ethetha ngomnye umqondiso, ziziphi iziganeko ezongezelelekileyo uYesu awazixela kwangaphambili?
3 Emva kokuba uLuka ekhankanye amaxesha amisiweyo eentlanga, iingxelo ezifanayo kuMateyu, kuMarko, nakuLuka zichaza ungcelele lweziganeko ezingakumbi eziquka umqondiso ukongezelela ‘kumqondiso oyintlanganisela wokupheliswa kwephakade eli.’ (Mateyu 24:3) (Kwiphepha 15, le ngongoma kule ngxelo iboniswa ngemigca emibini.) UMateyu uthi: “Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe. Uya [“kwandule ke ukubonakala,” NW] umqondiso woNyana woMntu ezulwini; [“zandule ke zimbambazele,” NW] zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu. Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo.”—Mateyu 24:29-31.
Imbandezelo Nezinto Ezenzeka Kummandla Wesibhakabhaka
4. Yiyiphi imibuzo ephakamayo ngezinto ezenzeka kummandla wesibhakabhaka uYesu awazikhankanyayo?
4 Kwakuya kuzaliseka nini oko? Zontathu iingxelo zeVangeli zikhankanya oko sinokuthi kwenzeka kummandla wesibhakabhaka—ukwenziwa mnyama kwelanga nenyanga nokuwa kweenkwenkwezi. UYesu wathi oku kwakuya kulandela ‘imbandezelo.’ Ngaba uYesu wayecinga ngembandezelo eyafikelela incopho yayo ngowama-70 C.E., okanye ngaba wayethetha ngembandezelo enkulu eseyinto eya kufika kwixesha elizayo kumhla wethu?—Mateyu 24:29; Marko 13:24.
5. Yiyiphi imbono esakha sakholelwa kuyo ngembandezelo kula maxesha anamhlanje?
5 Kususela oko amaxesha eentlanga aphelayo ngowe-1914, abantu bakaThixo bebenomdla ngokwenene ‘kwimbandezelo enkulu.’ (ISityhilelo 7:14) Kangangeminyaka babecinga ukuba imbandezelo enkulu yalo mhla wethu yayinexesha lokuqalisa elingqinelana nexesha leMfazwe Yehlabathi I, kuze kubekho ixesha eliphakathi, kuze ekugqibeleni kufike inxalenye yokugqibela, “imfazwe yaloo mini inkulu kaThixo uSomandla.” Ukuba bekunjalo, bekuya kwenzeka ntoni kumashumi eminyaka aphakathi ebudeni ‘bokupheliswa kwephakade’?—ISityhilelo 16:14; Mateyu 13:39; 24:3; 28:20.
6. Yintoni ekwakucingwa ukuba izalisekisa isiprofeto sikaYesu ngoko kwenzeka kummandla wesibhakabhaka?
6 Kaloku, kwakucingwa ukuba ebudeni beli xesha liphakathi kwakuya kubonwa umqondiso oyintlanganisela, kuquka umsebenzi wokushumayela owenziwa ngabantu bakaThixo abahlanganisiweyo. Kwakhona kwakubonakala ngathi izinto ezenzeka kummandla wesibhakabhaka ezaxelwa kwangaphambili kwakunokulindelwa ukuba zenzeke ebudeni bexesha eliphakathi emva kwexesha lokuqalisa ngowe-1914-18. (Mateyu 24:29; Marko 13:24, 25; Luka 21:25) Ingqalelo yatsoliswa kwizinto zokoqobo ezisemazulwini—ukuya emajukujukwini, iziphekepheke, imitha esuka ngaphandle komhlaba nenamandla amakhulu, kunye nokuya enyangeni.
7. Luluphi uhlengahlengiso kwindlela esiyiqonda ngayo imbandezelo enkulu oluye lwenziwa?
7 Noko ke, IMboniselo kaJulayi 15, 1970, yasihlolisisa kwakhona isiprofeto sikaYesu, ngokukodwa ukufika kwembandezelo enkulu. Yabonisa ukuba ngenxa yoko kwenzeka ngenkulungwane yokuqala, imbandezelo enkulu yanamhlanje ayinakuba nexesha lokuqalisa ngowe-1914-18, ixesha eliphakathi elingamashumi eminyaka, ize iphinde iqalise kwakhona kamva. Elo phephancwadi laqukumbela ngokuthi: “‘Imbandezelo enkulu’ enjengaleyo ingasayi kubuye ibekho kwakhona isengaphambili, kuba ithetha intshabalalo yobukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki (kuquka neSikristu [iNgqobhoko]) ilandelwa ‘yimfazwe yaloo mini inkulu kaThixo uSomandla’ eArmagedon.”
8. Ngale mbono iguquliweyo yembandezelo kumaxesha anamhlanje, uMateyu 24:29 uchazwa njani?
8 Kodwa uMateyu 24:29 uthi oko kwenzeka kummandla wesibhakabhaka kwenzeka “kwaoko ke, emveni kwembandezelo.” Kunokwenzeka njani oko? IMboniselo kaNovemba 1, 1975, yathi apha ‘imbandezelo’ ithetha leyo yafikelela incopho yayo ngowama-70 C.E. Kodwa kwakunokutshiwo ngayiphi ingqiqo ukuba oko kuqhubeka kummandla wesibhakabhaka kwixesha lethu kwenzeka “kwaoko” emva kwesiganeko esenzeka ngowama-70 C.E.? Kwaqiqwa ngelithi kuThixo iinkulungwane eziphakathi zaziya kuba lixesha elifutshane. (Roma 16:20; 2 Petros 3:8) Noko ke, ukusihlolisisa ngokunzulu ngakumbi esi siprofeto, ngokukodwa esikuMateyu 24:29-31, kubonisa ingcaciso eyahlukileyo. Oku kubonisa indlela ukukhanya okuba “mhlophe ngokuba mhlophe” ngayo “kude kube semini enkulu.” (IMizekeliso 4:18)b Makhe siqwalasele isizathu sokuba ingcaciso entsha, okanye eguquliweyo, ifanelekile.
9. IZibhalo zesiHebhere zisinceda njani ekuqondeni amazwi kaYesu angezinto ezenzeka kummandla wesibhakabhaka?
9 Kubapostile bakhe abane, uYesu wanikela isiprofeto ‘sokwenziwa mnyama kwelanga, ukungakhuphi kukhanya kwenyanga, nokuwa kweenkwenkwezi.’ NjengamaYuda, babenokuwaqonda loo mazwi ngokusuka kwiZibhalo zabo zesiHebhere, apho, ngokomzekelo kuZefaniya 1:15, ixesha likaThixo lomgwebo libizwa ngokuthi “yimini yentshabalala yakwantshabalala, yimini yobumnyama nesithokothoko, yimini yamafu, namafu amnyama.” Abaprofeti abangamaHebhere abahlukahlukeneyo nabo ngokufanayo balichaza ilanga njengelenziwe mnyama, inyanga njengengakhanyiyo, neenkwenkwezi njengezingakhanyiyo. Amazwi anjalo unokuwafumana kwizigidimi ezivela kuThixo nxamnye neBhabhiloni, uEdom, iYiputa, nobukumkani basentla bakwaSirayeli.—Isaya 13:9, 10; 34:4, 5; Yeremiya 4:28; Hezekile 32:2, 6-8; Amos 5:20; 8:2, 9.
10, 11. (a) UYoweli waprofeta wathini ngezinto ezikummandla wesibhakabhaka? (b) Ziziphi iinkalo zesiprofeto sikaYoweli ezazaliseka ngowama-33 C.E., yaye ziziphi ezingazange zizaliseke?
10 Xa bakuvayo oko uYesu wayekuthetha, uPetros nabanye abathathu bamele ukuba bakhumbula isiprofeto sikaYoweli esikuYoweli 2:28-31 nesesi-3:15: “Ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu. . . . Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi. Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo.” “Ilanga nenyanga zenziwe mnyama, iinkwenkwezi zikufinyezile ukukhanya kwazo.”
11 Njengokuba kubaliswa kwiZenzo 2:1-4 nakweye-14-21, ngePentekoste yowama-33 C.E., uThixo wathulula umoya oyingcwele kubafundi abali-120, amadoda nabafazi. Umpostile uPetros waxela ukuba oku koko kwakuxelwe kwangaphambili nguYoweli. Noko ke, kuthekani ngamazwi kaYoweli athetha ‘ngokwenziwa mnyama kwelanga nokwenziwa kwenyanga ibe ligazi nokufinyeza kweenkwenkwezi ukukhanya kwazo’? Akukho nto ibonisa ukuba oku kwazaliseka ngowama-33 C.E. okanye ebudeni bokupheliswa kwenkqubo yezinto yamaYuda okwathabatha iminyaka engaphezu kwama-30.
12, 13. Izinto ezenzeka kummandla wesibhakabhaka uYoweli awazixela ngenx’ engaphambili zazaliseka njani?
12 Kubonakala ukuba loo nxalenye yesibini yesiprofeto sikaYoweli yayinxibelelene ngokusondele ngakumbi ‘nokufika kwemini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo’—ukutshatyalaliswa kweYerusalem. IMboniselo kaJulayi 1, 1967, yathi ngembandezelo eyafikela iYerusalem ngowama-70 C.E.: “Lowo yaye ngokuqinisekileyo ingu-‘mhla kaYehova’ ngokubhekisele kwiJerusalem nabantwana bayo. Kwaye ngokunxulumene naloo mhla kwakukho into eninzi ye-‘gazi nomlilo nentshinyela yomsi,’ ilanga lingabubengezelisi ubumnyama besixeko emini, nenyanga icingisa igazi eliphalaziweyo, ingekuko ukukhanya kwenyanga okunoxolo, okubusilivere ebusuku.”c
13 Ewe, njengokuba kunjalo ngezinye iziprofeto esiziphawulileyo, oko kwenzeka kummandla wesibhakabhaka uYoweli awakuxela kwangaphambili kwakuza kuzaliseka xa uYehova wayephumeza umgwebo. Kunokuba kwenzeke ngalo lonke ixesha lokupheliswa kwenkqubo yamaYuda, ukwenziwa mnyama kwelanga, inyanga neenkwenkwezi kwenzeka xa imikhosi ephumeza umgwebo yahlasela iYerusalem. Ngokusengqiqweni, sinokulindela inzaliseko enkulu ngakumbi yaloo nxalenye yesiprofeto sikaYoweli xa uThixo eqalisa ukuphumeza umgwebo kule nkqubo ikhoyo yezinto.
Yiyiphi Imbandezelo Engaphambi Kwezinto Ezenzeka Kummandla Wesibhakabhaka?
14, 15. Isiprofeto sikaYoweli siyichaphazela njani indlela esimqonda ngayo uMateyu 24:29?
14 Ukuzaliseka kwesiprofeto sikaYoweli (ngokuvisisana nezinye iziprofeto ezisebenzisa ulwimi olufanayo) kusinceda siwaqonde amazwi akuMateyu 24:29. Ngokucacileyo, oko uYesu wakuthethayo ‘ngokwenziwa mnyama kwelanga, ukungakhanyi kwenyanga, nokuwa kweenkwenkwezi’ akubhekiseli kwizinto ezenzeka ukutyhubela amashumi amaninzi eminyaka yokupheliswa kwale nkqubo ikhoyo, ezifana nemijukujelwa ehamba esibhakabhakeni, ukuya enyangeni, nezinto ezifana nezo. Akunjalo, wayebhekisela kwiziganeko ezinxulumene ‘nemini kaYehova, enkulu neyoyikekayo,’ intshabalaliso eseza kuza.
15 Oku kusinceda siyiqonde kakuhle indlela oko kwenzeka kummandla wesibhakabhaka okuya kuza ngayo “kwaoko ke, emveni kwembandezelo.” UYesu wayengabhekiseli kwimbandezelo eyafikelela incopho yayo ngowama-70 C.E. Kunoko, wayebhekisela ekuqaliseni kwembandezelo enkulu eyayiya kufikela inkqubo yehlabathi kwikamva, eyayiyakuba yincopho ‘yobukho’ bakhe obuthenjisiweyo. (Mateyu 24:3, NW) Loo mbandezelo ayikafiki.
16. UMarko 13:24 wayebhekisela kweyiphi imbandezelo, yaye kutheni usitsho?
16 Kuthekani ngamazwi akuMarko 13:24: “Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo”? Apha, igama elithi “ngaloo” nelithi “loo” aguqulela iindlela zokusetyenziswa kwegama lesiGrike elithi e·keiʹnos, isimela-bizo sokwalatha esibonisa into eya kwenzeka kwixesha elizayo. Igama elithi e·keiʹnos linokusetyenziselwa ukubonisa into eyadlula kudala (okanye ebekukhe kwathethwa ngayo) okanye into eya kwenzeka kudala kwixesha elizayo. (Mateyu 3:1; 7:22; 10:19; 24:38; Marko 13:11, 17, 32; 14:25; Luka 10:12; 2 Tesalonika 1:10) Ngaloo ndlela, uMarko 13:24 ubhekisela ‘kuloo mbandezelo,’ kungekhona imbandezelo eyaqaliswa ngamaRoma, kodwa kwisenzo sikaYehova esoyikekayo ekupheleni kwale nkqubo ikhoyo yezinto.
17, 18. ISityhilelo sisityhilela ntoni ngendlela imbandezelo enkulu eya kuqhubeka ngayo?
17 ISi Isahluko 17 ukuya kwese-19 seSityhilelo siyayifanelekela yaye siyayingqinela le ndlela iphuculiweyo yokuqonda uMateyu 24:29-31, uMarko 13:24-27 noLuka 21:25-28. Ngayiphi indlela? Ezi ncwadi zeVangeli zibonisa ukuba imbandezelo enkulu ayisayi kuqalisa ize iphele ngokukhawuleza. Emva kokuqalisa kwayo, abantu abathile abangathobeliyo baya kuba besaphila ukuze babone “umqondiso woNyana woMntu” baze basabele—bambambazele baze, njengoko kubhalwe kuLuka 21:26, ‘bafe kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo.’ Olo loyiko lungathethekiyo luya kubangelwa kukuba bebona “umqondiso” obonisa intshabalaliso yabo esondeleyo.
18 Ingxelo ekwiSityhilelo ibonisa ukuba imbandezelo enkulu ezayo iya kuqalisa xa “iimpondo” ezixhobileyo ‘zerhamncwa’ lezizwe ngezizwe zijikela ‘ihenyukazi elikhulu,’ iBhabhiloni Enkulu.d (ISityhilelo 17:1, 10-16) Kodwa abantu abaninzi baya kusala, kuba kuthiwa ookumkani, abarhwebi, oomatiloshe, nabanye baya kulila ngenxa yokupheliswa konqulo lobuxoki. Ngokungathandabuzekiyo abaninzi baya kuqonda ukuba ukugwetywa kwabo kuyalandela.—ISityhilelo 18:9-19.
Kuza Kwenzeka Ntoni?
19. Sinokulindela ntoni xa imbandezelo enkulu iqalisa?
19 Iindinyana zencwadi yeVangeli kaMateyu, kaMarko, nekaLuka ziyavisisana neSityhilelo isahluko 17-19 ekucaciseni oko kuza kwenzeka kungekudala. Ngexesha elimiswe nguThixo, imbandezelo enkulu iya kuqalisa ngokuhlaselwa kobukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki (iBhabhiloni Enkulu). Oku kuya kuba qatha ngokukodwa kwiNgqobhoko, eyafuziselwa yiYerusalem engathembekanga. “Kwaoko ke, emveni” kwale nxalenye yembandezelo, “kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga [okungazange kubonwe].”—Mateyu 24:29; Luka 21:25.
20. Yintoni esinokulindela ukuba yenzeke kummandla wesibhakabhaka?
20 Kungayiphi ingqiqo eliya kuthi ‘ilanga lenziwe mnyama, inyanga ingakhuphi ukukhanya kwayo, iinkwenkwezi ziwe ezulwini, aze namandla ezulu azanyazanyiswe’? Ngokungathandabuzekiyo, ekuqaliseni kwembandezelo enkulu, izikhanyiso ezininzi—abefundisi ababalaseleyo bezonqulo—baya kuba bebhenciwe baza batshatyalaliswa ‘ziimpondo ezilishumi’ ezikhankanywe kwiSityhilelo 17:16. Alithandabuzeki elokuba namagunya ezobupolitika aya kube ezanyazanyisiwe. Ngaba kusenokwenzeka kubekho nezinto ezoyikisayo kumazulu okoqobo? Kusenokwenzeka zibekho, mhlawumbi ezoyikeka ngakumbi kunezo zachazwa nguJosephus njengezenzeka ngasekupheleni kwenkqubo yamaYuda. Siyazi ukuba kwixesha lamandulo, uThixo wabonakalisa amandla akhe ngokubangela ukuba kubekho iintlekele ezilolo hlobo, yaye unokwenjenjalo kwakhona.—Eksodus 10:21-23; Yoshuwa 10:12-14; ABagwebi 5:20; Luka 23:44, 45.
21. “Umqondiso” wexesha elizayo uya kubonakala njani?
21 Xa kufikelelwa kule ngongoma bobathathu ababhali beencwadi zeVangeli basebenzisa igama elithi toʹte (kwandule ke) ukutshayelela okuza kulandela. “Uya [“kwandula ke ukubonakala,” NW] umqondiso woNyana woMntu ezulwini.” (Mateyu 24:30; Marko 13:26; Luka 21:27) Ukususela ngeMfazwe Yehlabathi I, abafundi bakaYesu bokwenyaniso bebewuqonda umqondiso oyintlanganisela wobukho bakhe obungabonakaliyo, ngoxa abantu abaninzi bebengawuqondi. Kodwa uMateyu 24:30 walatha phambili komnye “umqondiso” oya kubonakala kamva, lowo “woNyana woMntu,” yaye zonke iintlanga ziya kunyanzeleka ukuba ziwuphawule. Xa uYesu esiza namafu okuthetha ukuba engabonakali, kuya kufuneka ukuba abantu abachasayo emhlabeni wonke bakuqonde oko ‘kuza’ (ngesiGrike, er·khoʹme·non) ngenxa yokubonakala kwamandla akhe angaphezu kwawemvelo njengokumkani.—ISityhilelo 1:7.
22. Uya kuba yintoni umphumo wokubona “umqondiso” okuMateyu 24:30?
22 Kwakhona uMateyu 24:30 usebenzisa igama elithi toʹte ukutshayelela oko kuza kulandela. Ziya kwandula ke iintlanga, ziqonda oko kuya kuba ngumphumo wemeko ezikuyo, zimbambazele, mhlawumbi ziqonda ukuba ukutshatyalaliswa kwazo kusondele. Hayi indlela eziya kwahluka ngayo kubakhonzi bakaThixo, kuba siya kukwazi ukuphakamisa iintloko zethu, sisazi ukuba isondele inkululeko yethu! (Luka 21:28) ISityhilelo 19:1-6 sikwabonisa ukuba abanquli bokwenyaniso ezulwini nasemhlabeni baya kukuvuyela ukutshatyalaliswa kwehenyukazi elikhulu.
23. (a) UYesu uya kuthabatha liphi inyathelo ngabanyuliweyo? (b) Kunokuthiwani ngokuthatyathelwa kwentsalela ezulwini?
23 Isiprofeto sikaYesu sihlabela mgama sisithi, kuMarko 13:27: “Uya [“kwandula ke ukuzithuma,” NW] [toʹte] izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.” Apha uYesu ubhekisela kwintsalela ye-144 000 ‘labanyulwa’ abasaphilayo emhlabeni. Ngasekuqaliseni kokupheliswa kwale nkqubo yezinto aba bafundi bathanjisiweyo bakaYesu bamanyaniswa ngendlela yobuthixo. Noko ke, ngokwendlela ezilandelelaniswe ngayo izinto, uMarko 13:27 noMateyu 24:31 bachaza okunye okungakumbi. ‘Ngexilongo elisandi sikhulu’ “abanyulwa” abaseleyo baya kuhlanganiswa besuka eziphelweni zehlabathi. Baya kuhlanganiswa njani? Ngokungathandabuzekiyo, baya ‘kutywinwa’ baze bafaniswe ngokucacileyo nguYehova njengenxalenye yabo “babiziweyo, banyuliweyo, bathembekileyo.” Yaye ngexesha uThixo alimisileyo, baya kuhlanganiselwa ezulwini ukuze babe ngookumkani nababingeleli.e Oku kuya kubavuyisa bona namaqabane abo athembekileyo, “isihlwele esikhulu,” nawo aya kuphawulelwa ‘ukuphuma embandezelweni enkulu’ ukuze anandiphe iintsikelelo ezingapheliyo kumhlaba oyiparadisi.—Mateyu 24:22; ISityhilelo 7:3, 4, 9-17; 17:14; 20:6; Hezekile 9:4, 6.
24. UMateyu 24:29-31 utyhila luphi ulandelelwano kwiziganeko eziseza kwenzeka?
24 Xa abapostile bathi, “Sixelele . . . ,” impendulo kaYesu yaquka okungaphezulu koko babenokukuqonda. Sekunjalo, ngexesha lokuphila kwabo, bavuyela ukubona ukuzaliseka kokuqala kwesiprofeto sakhe. Ukuhlolisisa kwethu impendulo kaYesu besikujolise kuloo nxalenye yesiprofeto sakhe eya kuzaliseka kungekudala. (Mateyu 24:29-31; Marko 13:24-27; Luka 21:25-28) Nangoku sinokubona ukuba inkululeko yethu iyasondela. Sinokukhangela phambili ekuqaliseni kwembandezelo enkulu, kwandule ke kubonakale umqondiso woNyana womntu, andule ke uThixo ahlanganise abanyuliweyo. Ekugqibeleni, njengoMphumezi wemigwebo kaYehova eArmagedon, uKumkani wethu onguMphumi-mkhosi, uYesu obekwe etroneni, uya ‘kuphelelisa uloyiso lwakhe.’ (ISityhilelo 6:2, NW) Loo mini kaYehova, xa ephumeza impindezelo, iya kufika njengencopho ezukileyo yokupheliswa kwephakade eli nto leyo eye yaphawula imini yeNkosi uYesu ukususela ngowe-1914 ukusa phambili.
25. Sinokuba nesabelo njani ekuzalisekeni okuseza kwenzeka kukaLuka 21:28?
25 Ngamana ungaqhubeka ungenelwa kwimfundiso yobuthixo, ukuze usabele ekuzalisekeni okusezayo kwamazwi kaYesu athi: “Zakubon’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.” (Luka 21:28) Elinjani lona ukuzuka ikamva elilinde abo banyuliweyo nesihlwele esikhulu njengokuba uYehova engcwalisa igama lakhe elingcwele!
[Imibhalo esemazantsi]
a AmaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukunikela ubungqina boku, ebonisa indlela izibakala ezibonakalayo kulo mhla wethu ezizizalisekisa ngayo iziprofeto zeBhayibhile.
b Inkcazelo eyongezelelekileyo yabonakala kwiphepha 296-323 lencwadi ethi God’s Kingdom of a Thousand Years Has Approached, eyapapashwa ngowe-1973 yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., nakwiMboniselo kaMatshi 1, 1983, iphepha 13-18.
c UJosephus ubhala ngezinto ezenzeka phakathi kokuhlaselwa kweYerusalem okokuqala ngamaRoma (ngowama-66 C.E.) nokutshatyalaliswa kwayo: “Ebusuku kwabakho isiphango esinamandla; kwabakho inkanyamba, kwabakho izandyondyo zemvula, kwakudanyaza imibane ngokuqhubekayo, iindudumo zazisitsho ngezithonga ezoyikisayo, kwavakala izandi ezothusayo zokunyikima komhlaba. Oku kuwohloka ngokupheleleyo kwenkqubo yezinto kwayifuzisela ngokucacileyo intlekele eyayizela uluntu, yaye akukho namnye owayenokuthandabuza ukuba la mashwa ayexela intlekele eyayingenakuthelekiswa nanto.”
d Oko uYesu wakubiza ngokuthi ‘yimbandezelo enkulu’ nangokuthi ‘imbandezelo’ kwimeko yokuqala yayikukutshatyalaliswa kwenkqubo yamaYuda. Kodwa kwiindinyana ezisebenza kuphela kulo mhla wethu, wasebenzisa idefinite article u-“the” esithi “the tribulation [imbandezelo].” (Mateyu 24:21, 29; Marko 13:19, 24) ISityhilelo 7:14 sisibiza esi siganeko sexesha elizayo ngokuthi “imbandezelo enkulu,” ngokoqobo okuthetha ukuthi “the tribulation the great [eyona mbandezelo inkulu].”
e Bona “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo ka-Agasti 15, 1990.
Uyakhumbula Na?
◻ Iinkalo ezithile zikaYoweli 2:28-31 nesesi-3:15 zazaliseka njani ngenkulungwane yokuqala?
◻ UMateyu 24:29 ubhekisela kweyiphi imbandezelo, yaye kutheni sigqiba kwelo?
◻ UMateyu 24:29 ubhekisela kweziphi izinto ezenzeka kummandla wesibhakabhaka, yaye oku kunokwenzeka njani kwaoko emveni kwembandezelo?
◻ ULuka 21:26, 28 uya kuzaliseka njani kwixesha elizayo?
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Ummandla wetempile
[Inkcazelo]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.