2 Kronike 20:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Bavuka ekuseni kusasa baza baphuma baya entlango+ yaseTekowa.+ Yaye njengoko babephuma, uYehoshafati wema waza wathi: “Ndiveni, maYuda nani bemi baseYerusalem!+ Kholwani+ kuYehova uThixo wenu ukuze nihlale ixesha elide. Kholwani kubaprofeti+ bakhe ukuze niphumelele.” Mateyu 17:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Wathi kubo: “Kungenxa yokholo lwenu oluncinane. Kuba inene ndithi kuni, Ukuba ninokholo olulingana nokhozo lwemostade, niya kuthi kule ntaba, ‘Suka apha uye phaya,’ isuke, kungabikho nto eninqabelayo.”+ Marko 11:23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 Inene ndithi kuni nabani na othi kule ntaba, ‘Funquka uze uphoseke elwandle,’ yaye engathandabuzi entliziyweni yakhe kodwa enokholo lokuba oko akutshoyo kuza kwenzeka, kuya kuba njalo kanye.+ Luka 17:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Yandula ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwemostade, beniya kuthi kulo mthi wommalbheri omnyama, ‘Ncothuka uze utyaleke elwandle!’ yaye ubuya kunithobela.+ Yohane 11:40 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 40 UYesu wathi kuye: “Anditshongo na kuwe ukuthi ukuba uyakholwa uya kulubona uzuko lukaThixo?”+ IZenzo 14:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Lo mntu wayephulaphule uPawulos ethetha, owathi yena, ekhangele ngenyameko kuye yaye ebona ukuba wayenokholo+ olungamenza aphile,
20 Bavuka ekuseni kusasa baza baphuma baya entlango+ yaseTekowa.+ Yaye njengoko babephuma, uYehoshafati wema waza wathi: “Ndiveni, maYuda nani bemi baseYerusalem!+ Kholwani+ kuYehova uThixo wenu ukuze nihlale ixesha elide. Kholwani kubaprofeti+ bakhe ukuze niphumelele.”
20 Wathi kubo: “Kungenxa yokholo lwenu oluncinane. Kuba inene ndithi kuni, Ukuba ninokholo olulingana nokhozo lwemostade, niya kuthi kule ntaba, ‘Suka apha uye phaya,’ isuke, kungabikho nto eninqabelayo.”+
23 Inene ndithi kuni nabani na othi kule ntaba, ‘Funquka uze uphoseke elwandle,’ yaye engathandabuzi entliziyweni yakhe kodwa enokholo lokuba oko akutshoyo kuza kwenzeka, kuya kuba njalo kanye.+
6 Yandula ke iNkosi yathi: “Ukuba beninokholo olungangokhozo lwemostade, beniya kuthi kulo mthi wommalbheri omnyama, ‘Ncothuka uze utyaleke elwandle!’ yaye ubuya kunithobela.+
9 Lo mntu wayephulaphule uPawulos ethetha, owathi yena, ekhangele ngenyameko kuye yaye ebona ukuba wayenokholo+ olungamenza aphile,