Eyokuqala YeziKronike
14 UKumkani uHiram+ waseTire wathumela abathunywa kuDavide kunye nemithi yomsedare, abo basebenza ngamatye* nabantu abasebenza ngemithi ukuba bamakhele indlu. + 2 Yaye uDavide waqonda ukuba uYehova umenze ukumkani kuSirayeli engathandabuzi,+ kuba ubukumkani bakhe baphakanyiswa kakhulu ngenxa yabantu bakaThixo amaSirayeli.+
3 UDavide wathatha abanye abafazi+ eYerusalem, yaye uDavide wazala oonyana neentombi ezininzi.+ 4 Nanga amagama abantwana awabazalelwa eYerusalem:+ uShamuwa, uShobhabhi, uNatan,+ uSolomon,+ 5 uIbhare, uElishuwa, uElpelete, 6 uNoga, uNefege, uYafiya, 7 uElishama, uBheliyada noElifelete.
8 Athi amaFilisti akuva ukuba uDavide wenziwe ukumkani kwaSirayeli,+ enyuka onke aya kukhangela uDavide.+ Wathi akuyiva le nto, waphuma eyokulwa nawo. 9 AmaFilisti eza aza aqhubeka ehlasela kwiNtlambo YamaRefa.*+ 10 UDavide wabuza kuThixo esithi: “Ndinyuke na ndiyokulwa namaFilisti? Uza kuwanikela na kum?” UYehova wathi kuye: “Nyuka, nakanjani na ndiza kuwanikela kuwe.”+ 11 Ngoko uDavide wenyukela eBhahali-peratsim+ waza wawaxabela apho. UDavide wathi: “UThixo wokwenene ugqobhoze phakathi kweentshaba zam ngesandla sam, njengokugqobhoza kwamanzi.” Yiloo nto wayibiza loo ndawo ngokuba yiBhahali-peratsim.* 12 AmaFilisti azishiya apho izithixo zawo, waza uDavide wayalela ukuba zitshiswe, zatshiswa ngomlilo.+
13 Ethubeni amaFilisti aphinda ahlasela kuloo ntlambo.*+ 14 UDavide waphinda wabuza kuThixo, kodwa uThixo wokwenene wathi kuye: “Sukunyuka ngqo phambi kwawo. Jikela uthi gqi emva kwawo, uze uwahlasele ngakumatyholo emibhaka.+ 15 Xa usiva isandi sokumatsha kwamaFilisti emantla amatyholo emibhaka, hlasela, kuba uThixo wokwenene uza kube ephumile phambi kwakho eyokuxabela umkhosi wamaFilisti.”+ 16 Ngoko uDavide wenza kanye ngendlela uThixo wokwenene awayemyalele ngayo,+ bawuxabela umkhosi wamaFilisti ukususela eGibheyon ukuyokutsho eGezere.+ 17 UDavide waduma kuwo onke amazwe, uYehova wazenza zonke iintlanga zamoyika kakhulu uDavide.+