INGOMA YAZO IINGOMA
1 Eyona ngoma ibalaseleyo,* ekaSolomon:+
2 “Akwaba ubungandiphuza, undincamise ngaloo mlomo wakho,
Kuba ukuthandwa nguwe kumnandi ngaphezu kwewayini.+
3 Amafutha owathambisayo anuka kamnandi.+
Udume kakuhle oku kwamafutha anevumba elimnandi.+
Yiloo nto uthandwa kangaka ziintombi.
Kuba ukumkani undifake phakathi kumagumbi akhe!
Masonwabe kube mnandi.
Makhe sincokole ngothando lwakho, kuba lubhetele kunewayini.
Iintombi zifanele ukuthi phithi nguwe.
5 Zintombi zaseYerusalem, ndingunomdakazana,* kodwa ndimhle
Njengeentente zakwaKedare,+ njengamalaphu eentente+ zikaSolomon.
6 Sanukundijonga kangaka kuba ndimnyama,
Kaloku nditshiswe lilanga.
Oobhuti bam bebenomsindo,
Baza bandigadisa amasimi eediliya,
Andakwazi ke ukugada eyam intsimi.
7 Khawutsho ke, sithandwa sentliziyo yam,
Uwalusela phi umhlambi wakho?+
Uphumla phi umhlambi wakho emini emaqanda?
Kutheni kufuneka ndibe njengomfazi ozogqume ngelaphu*
Phakathi kwemihlambi yabahlobo bakho?”
8 “Ukuba awazi, wena nzwakazi entle kunazo zonke,
Landela umzila womhlambi
Uze waluse amatakane eebhokhwe zakho ngasezintenteni zabelusi.”
9 “Wena sithandwa sam, ndikufanisa nenye yeemazi* zamahashe eenqwelo zikaFaro.+
11 Siza kukwenzela izinto zokuhomba zegolide,
Ezihonjiswe nangesilivere.”
15 “Awusemhle nje sithandwa sam.
Uyinzwakazi. Amehlo akho anjengawamahobe.”+
16 “Umhle* sithandwa sam, uyathandeka.+
Ibhedi yethu iphakathi kwamahlamvu.
2 “Isithandwa sam sinjengenyibiba phakathi kwameva
Xa sithelekiswa nezinye iintombi.”
3 “Isithandwa sam sinjengomthi wama-apile phakathi kwemithi yehlathi
Xa sithelekiswa nabanye oonyana.
Akwaba bendingahlala emthunzini waso;
Zimnandi ngeyona ndlela iziqhamo zaso.
Sanukuzama ukuvuselela uthando lwam de luzivukele.+
8 Nazo izingqi zesithandwa sam!
Jongani! Naso sisiza,
Sinyuka ezintabeni, sitsiba iinduli.
9 Isithandwa sam sinjengebhadi, njengenkonyana lexhama.+
Nasiya simi emva kodonga lwasekhaya,
Sikrobe ngefestile.
10 Isithandwa sam sithi kum:
‘Phakama, sithandwa sam,
Nzwakazi yam, masihambe.
Iimvula zimkile.
12 Iintyatyambo zidubule elizweni,+
Lifikile ixesha lokuthena imithi,+
Kuvakala nokuntyiloza kwamahobe elizweni lethu.+
Phakama, sithandwa sam, yiza.
Masihambe nzwakazi yam.
15 “Sibambeleni iimpungutye,
Iimpungutye ezincinci ezonakalisa amasimi eediliya,
Kuba imithi yethu iqhamile.”
16 “Isithandwa sam sesam, nam ndingowaso.+
Salusa+ phakathi kweenyibiba.+
17 Khawuleza ubuye sithandwa sam,
Ube njengebhadi+ okanye inkonyana lexhama+ kwezo ntaba zisahlulayo,*
Ingekapholi imini,* anabe namathunzi.
Ndasikhangela, kodwa andasifumana.+
2 Ndiza kuvuka, ndizule isixeko,
Ezitratweni nakwiindawo eziphithizela abantu,
Ndikhangele isithandwa sam.
Ndiye ndasikhangela, kodwa andasifumana.
3 Ndibonwe ngoonogada besixeko,+
Ndababuza, ‘Khange nisibone isithandwa sam?’
4 Ndithe ndingekabi kude kubo
Ndamfumana umntu wam endimthandayo.
5 Ndiyanifungisa zintombi zaseYerusalem,
Ngamabhadikazi namaxhamakazi asendle:
Sanukuzama ukuvuselela uthando lwam de luzivukele.”+
6 “Yintoni le ingathi ngumsi ethi gqi ngasendle,
Eqholwe ngemore nangentlaka yokuqhumisa,
Nangazo zonke iintlobo zeziqholo zoosomashishini ezinevumba elimnandi?”+
7 “Jonga! Sisitulo esimfuma-mfuma sikaSolomon.
Singqongwe ngamadoda ayi-60,
Amakroti akwaSirayeli,+
8 Onke axhobe ngamakrele,
Onke aqeqeshelwe imfazwe,
Nganye iphethe ikrele layo,
Ilungele ukulwa xa kuvela ingozi ebusuku.”
10 Iintsika zaso zenziwe ngesilivere,
Amazantsi aso ngawegolide.
Indawo yaso yokuhlala yenziwe ngoboya obumsobo;*
Sihonjiswe kakuhle ziintombi zaseYerusalem.”
11 “Phumani zintombi zaseZiyon,
Nibone uKumkani uSolomon
Efake isithsaba somtshato awasenzelwa ngumama wakhe+
Ngemini yakhe yomtshato,
Ngemini ekwathi ngco ngayo entliziyweni yakhe.”
4 “Awusemhle nje sithandwa sam.
Uyinzwakazi. Amehlo akho anjengawamahobe
Ngaphaya kwelo laphu logqume ubuso bakho.
Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe
Owehla ezintabeni zaseGiliyadi.+
2 Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha ezisanda kuchetywa
Ezivela kuhlanjwa,
Ezizele amawele zonke,
Kungekho nanye elahlekelwe litakane.
3 Imilebe yakho injengomsonto obubomvurha,
Ibe uthetha kamnandi.
Izidlele zakho zinjengerharnati
Ngaphaya kwelo laphu logqume ubuso bakho.
4 Intamo yakho+ injengenqaba kaDavide,+
Eyakhiwe ngamatye,
Ekuxhonywe kuyo amakhaka aliwaka
Amakhaka amakroti arawundi.+
6 “Ndiza kuhamba ndiye entabeni yemore
Nakwinduli yentlaka yokuqhumisa,+
Ingekapholi* imini, anabe namathunzi.”
Yihla entabeni yeAmana,
Entabeni yeSenire, entabeni yeHermon,+
Ezikhundleni zeengonyama, ezintabeni zamahlosi.
9 Uyithimbile intliziyo yam,+ sithandwa sam, mtshakazi wam,
Undithe krwaqu nje kwakanye, wayithimba intliziyo yam,
Ngentsimbi nje enye ejinga emqaleni wakho.
10 Akusemnandi nje ukuthandwa nguwe,+ sithandwa sam, mtshakazi wam!
Ukuthandwa nguwe kumnandi ngaphezu kwewayini,+
Iphefyum yakho inuka kamnandi ngaphezu kwazo zonke iziqholo!+
11 Imilebe yakho, mtshakazi wam ithontsiza ubusi.+
Kukho ubusi nobisi phantsi kolwimi lwakho,+
Iimpahla zakho zinuka kamnandi ngathi livumba laseLebhanon.
12 Siyigadi ebiyelweyo isithandwa sam, umtshakazi wam,
Siyigadi etshixiweyo, umthombo ovalwe ngci.
13 Amasetyana akho angumyezo* weerharnati,
Onezona ziqhamo zimnandi, izityalo zehena nezenadusi,
14 Inadusi+ nesafron, ingcongolo enuka kamnandi+ nesinamon,+
Nazo zonke iintlobo zemithi yentlaka yokuqhumisa, imore nekhala,+
Kunye nezona ziqholo zodidi.+
16 Vuka moya wasemntla,
Ngena moya wasemzantsi.
Phephezela egadini yam.
Malivakale yonke indawo ivumba layo elimnandi.”
“Masingene ke isithandwa sam egadini yaso,
Sitye ezona ziqhamo zimnandi.”
Ndiyikhile imore yam nesiqholo sam.+
Ndibutyile ubusi bam;
Ndiyisele iwayini yam nobisi lwam.”+
“Yityani, bahlobo bam!
Selani, ninxile luthando!”+
2 “Ndilele, kodwa intliziyo yam ihleli.+
Naso isithandwa sam sinkqonkqoza!
‘Ndivulele mntu wam, sithandwa sam,
Hobe lam, wena ungenasiphako!
Kuba intloko yam imanzi ngumbethe,
Iinwele zam zimanzi kukufuma kwasebusuku.’+
3 Sendiwukhulule nje umwunduzo wam.
Ndiphinde ndiwunxibe?
Sendizihlambile nje iinyawo zam.
Ndiphinde ndizingcolise?
4 Isithandwa sam sasikhupha isandla saso kwikroba locango,
Kwathi ngco kum ngaphakathi.
5 Ndavuka ndaya kusivulela isithandwa sam,
Izandla zam zivuza imore,
Neminwe yam ithontsiza imore,
Kwisitshixo somnyango.
6 Ndasivulela isithandwa sam,
Kodwa sasijikile semka.
Ndashiyeka ndikhathazekile,
Ndasikhangela, andasifumana.+
Ndasikhwaza, asandiphendula.
7 Ndabonwa ngoonogada besixeko.
Bandibetha, bandenzakalisa.
Bohlutha nelaphu lam lokuzogquma.
8 Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem:
Ukuba nisibonile isithandwa sam,
Sixeleleni ukuba ndiyafa luthando.”
9 “Sahluke ngantoni isithandwa sakho kwamanye amadoda,
Nzwakazi yeenzwakazi?
Sibhetele ngantoni isithandwa sakho,
Le nto ude usifungise kangaka?”
10 “Umntu wam yinzwana ebengezelayo,
Uphuma yedwa kumawaka alishumi.
11 Intloko yakhe yeyegolide, eyona golide yodidi.
Iinwele zakhe zinjengamasebe esundu* aphaphazelayo.
Zimnyama oku kwehlungulu.
Imilebe yakhe ziinyibiba ezivuza imore.+
14 Iminwe yakhe yigolide ehonjiswe ngekrizolite.
Isisu sakhe luphondo lwendlovu olumenyezelayo lwaza lwahonjiswa ngesafire.
15 Imilenze yakhe ziintsika zemabhile ezibekwe phezu kweyona golide yodidi.
Mhle okweLebhanon, akanantanga okwemithi yemisedare.+
Sisithandwa sam ke eso, zintombi zaseYerusalem, ngumntu wam ke lowo.”
6 “Siye phi isithandwa sakho,
Wena nzwakazi yeenzwakazi?
Sitshone phi isithandwa sakho?
Yiza sikukhangelise.”
2 “Isithandwa sam siye egadini yaso,
Kwigadi yezityalo zokuqhola,
Siyokwalusa ngasezigadini,
Siyokukha neenyibiba.+
Salusa phakathi kweenyibiba.”+
4 “Umhle njengeTirtsa,*+ sithandwa sam,+
Ubukeka njengeYerusalem,+
Nanjengemikhosi ejikeleze iiflegi zayo.+
Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe
Owehla ezintabeni zaseGiliyadi.+
6 Amazinyo akho anjengomhlambi weegusha
Ezivela kuhlanjwa,
Ezizele amawele zonke,
Kungekho nanye elahlekelwe litakane.
9 Mnye olihobe lam,+ ongenasiphako.
Nguye kuphela kumama wakhe.
Ngoyena uthandwayo ngulowo wamzalayo.
Iintombi ziyamncoma xa zimbona;
Unconywa nangookumkanikazi nabafazi.*
10 ‘Ngubani na lo uqaqambe njengokuphuma kwelanga,
Omhle ngathi yinyanga,
Osulungeke okwemitha yelanga,
Obukeka okwemikhosi ejikeleze iiflegi zayo?’”+
11 “Bendihlile ndaya emithini yeenati entlanjeni+
Ukuze ndibone ukuba sele idubule na,
Ndibone ukuba imithi yeediliya sele ihlumile na,
Nokuba imithi yeerharnati sele ityatyambile na.
13 “Buya, buya, mShulamikazi!
Khawubuye, ukuze sikubone!”
“Nimhoye ngantoni umShulamikazi?”+
“Unjengomdaniso wamaqela amabini!”*
7 “Azisentle nje iinyawo zakho kwezo mbadada,
Nditsho wena nkosazana!
Amathanga akho anjengezihombiso,
Ngathi enziwe zizandla zechule.
2 Inkaba yakho sisitya esirawundi.
Mayingaze iphele iwayini exutyiweyo kuso.
Isisu sakho siyimfumba yengqolowa,
Ejikelezwe ziinyibiba.
4 Intamo yakho+ injengenqaba yophondo lwendlovu.+
Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanon,
Ejonge ngaseDamasko.
Ubuhle bazo buyamthimba ukumkani.
6 Awusemhle nje ntombi, uyathandeka,
Uthandeka ngaphezu kwento yonke!
8 Ndithe, ‘Ndiza kukhwela emthini wesundu,
Ndithathe isihlahla sawo.’
Amabele akho mawabe njengezihlahla zeediliya,
Umphefumlo wakho unuke kamnandi okwama-apile,
“Loo wayini mayihle kamnandi kwisithandwa sam,
Yehle kuloo milebe yaso, isiyobe.
12 Masivuke ekuseni siye emasimini eediliya,
Sibone ukuba seyidubule na imithi yeediliya,
Sibone ukuba ayikatyatyambi na,+
Sibone nokuba iirharnati azikadubuli na,+
Ndize ndikubonise indlela endikuthanda ngayo.+
13 Iziqhamo zemithuma+ zikhupha ivumba lazo elimnandi;
Ezigeyithini zethu kukho zonke iintlobo zezona ziqhamo zimnandi.+
Sithandwa sam, ndikubekele iziqhamo ezisanda kukhiwa nezigciniweyo.
8 “Akwaba bendikuthatha njengomntakwethu,
Owancanca emabeleni kamama!
Bendiza kuthi xa ndikubona phandle, ndikuphuze,+
Kungabikho mntu undithela nqa.
Bendiza kukupha iwayini edidiyelwe ngeziqholo,
Incindi yeerharnati ezisanda kukhiwa.
4 Ndiyanifungisa zintombi zaseYerusalem:
Sanukuzama ukuvuselela uthando lwam de luzivukele.”+
5 “Ngubani na lo uzayo evela ngasentlango,
Egonene nesithandwa sakhe?”
“Ndakuvusa uphantsi komthi wama-apile,
Apho wakuzalela khona umama wakho,
Edliwa yinimba.
6 Mandibe yiringi yokubeka isitampu ejinga esifubeni sakho,
Neba sengalweni yakho,
Kuba uthando lunamandla njengokufa,+
Uthando lufuna umntu azinikele ngokupheleleyo,
Ibe aluncami njengengcwaba.*
Amadangatye alo ngamadangatye omlilo, idangatye likaYa.*+
Ukuba umntu ebenokuzama ukuluthenga ngabo bonke ubutyebi bakhe,
Nobo butyebi bebungenyanyeka.”*
Siza kumenzela ntoni udadewethu
Mhla eze kucelwa?”
9 “Ukuba uludonga,
Siza kwakhela phezu kwakhe inqaba yesilivere,
Kodwa ukuba ulucango,
Siza kumvala ngeplanga lomsedare.”
10 “Ndiludonga mna,
Namabele am anjengeenqaba.
Naye uyabona ukuba ndizolile.
11 USolomon wayenentsimi yeediliya+ eBhahali-hamon.
Loo ntsimi wayiqashisa kubalimi.
Ngamnye wayeyibhatalela ngamaqhosha esilivere aliwaka.
12 Ndinentsimi yeediliya eyeyam.
Wona amaqhosha esilivere aliwaka ngawakho* Solomon,
Ibe amakhulu amabini ngawabalimi.”
Nam mandilive.”+
14 “Khawuleza uze sithandwa sam,
Baleka njengebhadi+
Okanye njengenkonyana lexhama
Ezintabeni zeziqholo.”
Okanye “Ingoma yazo iingoma.”
Ngokoqobo, “Nditsale.”
Ngokoqobo, “ndimnyama.”
Okanye “ngelaphu lokuzila.”
Okanye “yeemazi zam.”
Okanye kusenokwenzeka, “kwezo nwele ziphothiweyo.”
Okanye “Uyinzwana.”
Okanye “zendlu yethu enkulu.”
Ngokoqobo, “Ndiyisafroni.”
Ngokoqobo, “yewayini.”
Okanye “Ixesha lemvula lidlule.”
Okanye “wamakhiwane.”
Okanye kusenokwenzeka, “ziqhekeke phakathi.” Okanye “kwiintaba zaseBhetere.”
Ngokoqobo, “Ingekaphefumli imini.”
Sisitulo esinophahla ekuthwalwa ngaso umntu obalulekileyo.
Okanye “obupepuli.”
Ngokoqobo, “Ingekaphefumli.”
Okanye kusenokwenzeka, “Ulusu lwakho lungumyezo.”
Okanye kusenokwenzeka, “zinjengezihlahla zeedatilisi.”
Okanye “njengesiXeko Esithandekayo.”
Okanye “Iindlathi.”
Okanye “Namashweshwe ayi-80.”
Okanye “namashweshwe.”
Okanye “waseMahanayim.”
Ngokoqobo, “Intloko yakho.”
Okanye “obupepuli.”
Ngokoqobo, “Inkalakahla yakho ibe.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
“UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
Okanye kusenokwenzeka, “Naye ebeza kwenyanywa.”
Ngokoqobo, “Lona iwaka lelakho.”