Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoMeyi 13
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 4, yenza imiboniso emibini yendlela yokuhambisa IMboniselo kaMeyi 15 noVukani! kaJuni 8. Kumboniso ngamnye, bonisa indlela yokuphendula xa umntu esithi “Ndixakekile.”—Bona incwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 19-20.
15 imiz: “Ukholo Lwethu Lusishukumisela Ukuba Senze Imisebenzi Emihle.”a Xa uxubusha isiqendu 2, dlan’ indlebe ngokufutshane nomzalwana onenzondelelo enkonzweni. Makachaze indlela ukushumayela okulomeleza ngayo ukholo lwakhe.
15 imiz: Unokwenza Inkqubela Ngokomoya. Intetho ethatyathwe kwiMboniselo kaMeyi 15, 1998, iphepha 24. Bonisa indlela enokusebenza ngayo ebandleni lenu.
Ingoma 115 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMeyi 20
13 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Xubusha Isingxobo Semibuzo. Iindaba Zobuthixo.
17 imiz: Ukwakha Intsapho Eyomeleleyo Ngokomoya. Intetho enikelwa ngumdala oyintloko-ntsapho, esekelwe kwiMboniselo kaMeyi 15, 2001, kwiphepha 21. Cela intloko-ntsapho ibe nye okanye zibe mbini zichaze oko zikwenzayo ukuze zakhe iintsapho ezomeleleyo ngokomoya.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.
Ingoma 169 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMeyi 27
12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khumbuza bonke abavakalisi ukuba badlulise iingxelo zabo zenkonzo yasentsimini kaMeyi. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 4, yiba nomvakalisi okhulileyo obonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaJuni 1 uze ube nomvakalisi oselula obonisa indlela yokuhambisa uVukani! kaJuni 8. Emva komboniso ngamnye, chaza indlela ekulula ngayo ukuquka isibhalo kwintshumayelo.
15 imiz: “Ngaba Ibandla Lenu Linentsimi Enkulu?” Intetho nengxubusho kunye nabaphulaphuli esingathwa ngumveleli wenkonzo. (Amabandla anentsimi encinane anokuhlolisisa inqaku elithi “Lisebenzise Kakuhle Ixesha Lakho,” kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1999.) Chaza ukuba linomhlaba ongakanani ibandla nokuba kuye kwagutyungelwa ongakanani kunyaka odluleyo. Cacisa indlela la macebiso anokusetyenziswa ngayo ekuhlaleni. Chaza amalungiselelo enziwayo ukuze kugutyungelwe intsimi engafane isetyenzwe.
18 imiz: “Ngaba Uyayisebenzisa Incwadana Enemifanekiso Ethi Okufunwa NguThixo Xa Uqalisa Izifundo?” (Wonk’ ubani ufanele abe nesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2002 xa kuxutyushwa lo mbandela.) Qalisa ngokuba nomvakalisi obonisa indlela yokuqalisa isifundo, esebenzisa umzekelo okwisiqendu 3. Emva koko, yenza amagqabantshintshi ngale ncwadana enemifanekiso, uze uchaze indlela elungiselelwe kakuhle ngayo ukuze kuqaliswe izifundo. Bonisa ukubaluleka kokuhlolisisa iintshumayelo ezicetyisiweyo kwisihlomelo sikaJanuwari 2002. Buza abaphulaphuli ukuba ngawaphi amacebiso abaye bawafumanisa ephumelela. Qukumbela ngokuphinda lo mboniso ungasentla.
Ingoma 93 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJuni 3
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. “Uthini Kumatshini Wokuphendula Umnxeba?” Lungiselela ukuba kubekho abavakalisi ababalisa ngeentsikelelo abaye bazifumana ngokuba ngoovulindlela abangabancedani okanye abathe ngxi ngoMatshi, ngoAprili okanye ngoMeyi.
15 imiz: Indlela Incwadi Ethi Ukuqiqa Ezisebenzisa Ngayo Ezinye Iinguqulelo ZeBhayibhile. Intetho emfutshane elandelwa yingxubusho kunye nabaphulaphuli. Funda incwadi ethi Ukuqiqa kwiphepha 8 isiqendu 2, uze uchaze isizathu nendlela iBhayibhile efanele ibalaseliswe ngayo entsimini. Chaza uludwe lwezishunqulelo zamagama eeBhayibhile olukwiphepha 6, uze uchaze isizathu sokuba sisebenzise iingcaphulo zezinye iinguqulelo. Xubusha izilumkiso ezikhankanywe kwiMboniselo kaOktobha 1, 1997, iphepha 16, isiqendu 2, nakwiphepha 20, isiqendu 15. Usebenzisa umbandela othi “Amalandela Abapostile,” “Imifanekiso Eqingqiweyo,” nothi “UBathathu Emnye” kwincwadi ethi Ukuqiqa, cela abaphulaphuli babonise indlela okuluncedo ngayo ukuthelekisa iinguqulelo xa ufundisa inyaniso.
15 imiz: Ngaba Unokumelana Nokudimazeka? Intetho ekhuthazayo ebandakanya abaphulaphuli nesekelwe kwiMboniselo kaFebruwari 1, 2001, iphepha 20. Bonisa indlela esebenza ngayo ebandleni lenu.
Ingoma 56 nomthandazo wokuqukumbela.
[Umbhalo osemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.