Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoJanuwari 8
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Bakhuthaze bonke ukuba babukele ividiyo ethi No Blood—Medicine Meets the Challenge ukulungiselela ingxubusho eza kubakho kwiNtlanganiso Yenkonzo ngeveki eqala ngoJanuwari 22. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8 okanye ezinye iintshayelelo ezifanelekileyo kwintsimi yenu, bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaJanuwari 15 noVukani! kaJanuwari. Komnye umboniso, bonisa indlela esinokusabela ngayo xa umntu esithi “Ndixakekile.”—Bona incwadi ethi Ukuqiqa, iphe. 19-20.
15 imiz: Zuza Kwincwadana Ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla. Intetho nengxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwintshayelelo ekwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla—2007. Thetha ngokubaluleka kokuba sonke siziphe imizuzu embalwa suku ngalunye ukuze siqwalasele iSibhalo setekisi namagqabaza. Lungiselela kusengaphambili ukuba umntu omnye okanye ababini bachaze ngocwangciso abalusebenzisayo xa behlolisisa itekisi nendlela oluye lwabanceda ngayo. Qukumbela ngengxubusho emfutshane yomxholo wonyaka wama-2007.
20 imiz: Ukufikelela Bonke Abantu Ngeendaba Ezilungileyo. Intetho enengxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwincwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, kwiphepha 92 ukusa kumxholwana okwiphepha 102.
Ingoma 165 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 15
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
15 imiz: Xubusha nabaphulaphuli iingongoma eziyintloko ezikwileta kaFebruwari 16, 2005 nekaFebruwari 1, 2006 ngokuphathelele izinto ezifundwa esikolweni. Khuthaza abazali abanabantwana abahamba isikolo ukuba bathethe nootitshala ngokuma kwabantwana babo.
20 imiz: “Andinamdla.”a Xa ufika kwisiqendu 4, buza abaphulaphuli ngezinto ezikhathaza abantu basekuhlaleni. Yiba nemiboniso emibini emifutshane yendlela esinokusabela ngayo xa umntu esithi “Andinamdla.”—Bona incwadi ethi Ukuqiqa, iphe. 16.
Ingoma 135 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 22
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Funda ingxelo yemali neeleta zeminikelo. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8 okanye ezinye iintshayelelo ezifanelekileyo kwintsimi yenu, bonisa indlela esinokuyihambisa ngayo IMboniselo kaFebruwari 1 noVukani! kaFebruwari. Komnye umboniso, umvakalisi makenze ibuyelo kumntu okumzila wamaphephancwadi.
10 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.
25 imiz: “Olona Nyango Lukumgangatho Ophezulu—Luluphi?” Mayinikelwe ngumdala. Ngoko nangoko ngena emxholweni uze ixubushe nabaphulaphuli ividiyo ethi No Blood, usebenzisa imibuzo ekweli nqaku. Qukumbela ngokufunda isiqendu sokugqibela uze ubakhuthaze bonke bahlolisise amanqaku akwiiMboniselo ezikhankanyiweyo.
Ingoma 188 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 29
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake iingxelo zabo zikaJanuwari zenkonzo yasentsimini. Chaza incwadi eza kuhanjiswa ngoFebruwari, uze ube nomboniso omnye.
15 imiz: “Ngaba Uyilungele Intlekele Yemvelo?”b Mayinikelwe ngumdala. Quka amagqabaza akuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 2005, kwiphepha 3.
20 imiz: “Ndifanele Ndizijonge Njani Izinto Ezitsalwe Egazini Neendlela Zokunyanga Ezisebenzisa Igazi Lam?”c Ingxubusho yemibuzo neempendulo equka imiboniso. Umdala onikela le ntetho ufanele alulandele ngokusondeleyo ulwandlalo oluvela kwiofisi yesebe.
Ingoma 137 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoFebruwari 5
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
15 imiz: Ndaziwa Ngolu Hlobo! Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Abanye abantu abaselula baba madolw’ anzima ukuzichaza ukuba bangamaNgqina kaYehova kuba bevakalelwa kukuba oontanga babo baza kubagculela. Noko ke, kukho izizathu ezihle zokuzazisa. Maninzi amathuba okuba ootitshala abazaziyo iinkolelo zakho bazihlonele baze bangakunyanzeli ukuba wenze into engafanelekanga. Ulutsha oluziphethe kakubi alunakukhawuleza ukukucela ukuba ubandakanyeke kwikhondo elingafanelekanga. Abanye baya kuziqonda lula izigqibo zakho eziphathelele imibandela efana nokwenza amadinga okanye eminye imidlalo yesikolo. Kwakhona akusayi koyika ukushumayela esikolweni okanye xa ubona abanye abantwana ofunda nabo ngoxa ushumayela entsimini. (g02-XO 4/8 iphe. 14) Cela abavakalisi bagqabaze ngendlela abaye bazuza ngayo ngokuzazisa njengamaNgqina kaYehova esikolweni. Kusenokulungiselelwa kusengaphambili umvakalisi omnye okanye ababini ukuba bagqabaze.
20 imiz: “Uthando—Eyona Nto Inokusenza Siphumelele Entsimini.”d Quka amagqabaza akwiMboniselo kaFebruwari 1, 2003, iphepha 23, isiqendu 16-17.
Ingoma 83 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
d Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.