IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 34:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 UYehova wadlula phambi kobuso bakhe waza wavakalisa esithi: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba+ nobabalo,+ ozeka kade umsindo,+ onobubele bothando obuninzi+ nenyaniso,+

  • Numeri 14:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 ‘UYehova, ozeka kade umsindo+ nonobubele bothando obuninzi,+ oxolela isiphoso nokunxaxha,+ kodwa ongakhe amsindise ofanelwe kukohlwaywa,+ ozisa isohlwayo sesiphoso sooyise koonyana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana.’+

  • Duteronomi 32:36
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 36 Ngokuba uYehova uya kubagweba abantu bakhe+

      Azisole ngenxa yabakhonzi bakhe,+

      Xa ebona ukuba akusekho ubaxhasayo

      Basuke baba ziintw’ ezingeloncedo nezingento yanto.

  • ABagwebi 2:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Yaye xa uYehova wayebavelisela abagwebi,+ uYehova wayesiba nomgwebi lowo, yaye wayebahlangula kwisandla seentshaba zabo yonke imihla yomgwebi lowo; kuba uYehova wayezisola+ ngokugcuma kwabo ngenxa yabacinezeli babo+ nabo babebatyhalatyhala.

  • 2 Samuweli 24:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Yaza ingelosi+ yolulela isandla sayo ngaseYerusalem ukuze iyonakalise; yaye uYehova wazisola+ ngentlekele leyo, waza ke wathi kwingelosi leyo yayisonakalisa ebantwini: “Kwanele! Sithobe ngoku isandla sakho.” Ingelosi leyo kaYehova yayikufuphi nesanda sika-Arawuna+ umYebhusi.+

  • INdumiso 51:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 51 Ndibabale, Thixo, ngokobubele bakho obunothando.+

      Ngokobuninzi beenceba zakho kususe ukunxaxha kwam.+

  • INdumiso 69:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Ndiphendule, Yehova, ngokuba bulungile ububele bakho bothando.+

      Ngokobuninzi beenceba zakho buyela kum,+

  • INdumiso 86:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Kodwa wena, Yehova, unguThixo onenceba nobabalo,+

      Ozeka kade umsindo+ nonobubele bothando obuninzi nenyaniso.+

  • INdumiso 90:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Buya, Yehova!+ Kuya kude kube nini na?+

      Zisole ngenxa yabakhonzi bakho.+

  • Isaya 63:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Ndiya kukhankanya+ ububele bothando bukaYehova, iindumiso zikaYehova, ngako konke oko uYehova asenzele kona,+ kwanobuninzi bokulunga kwakhe kwindlu kaSirayeli+ asenzele yona ngokweenceba zakhe+ nangokobuninzi bobubele bakhe bothando.

  • IZililo 3:32
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 32 Kuba nangona ebangele intlungu,+ ngokuqinisekileyo uya kwenza inceba ngokobuninzi bobubele bakhe bothando.+

  • Yoweli 2:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Krazulani iintliziyo zenu,+ kungekhona izambatho zenu;+ nize nibuyele kuYehova uThixo wenu, kuba unobabalo nenceba,+ uzeka kade umsindo+ kwaye unobubele bothando obuninzi,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kuzisola ngenxa yentlekele.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share