IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Samuweli 16:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Kodwa uYehova wathi kuSamuweli: “Musa ukukhangela imbonakalo yakhe nokuphakama kwesithomo sakhe,+ kuba ndimgatyile. Kuba indlela abona ngayo umntu [asiyondlela abona ngayo uThixo],+ ngenxa yokuba umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni;+ kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.”+

  • 1 Kronike 28:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 “Ke wena, Solomon nyana wam, uze umazi+ uTHIXO kayihlo, umkhonze+ ngentliziyo epheleleyo+ nangomphefumlo onoyolo;+ kuba uYehova uyazigocagoca zonke iintliziyo,+ akuqonde konke ukutyekela kweengcamango.+ Ukuba uthe wamfuna, uya kumfumana;+ kodwa ukuba uthe wamshiya,+ uya kukulahla ngonaphakade.+

  • INdumiso 7:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  9 Mabuphele ububi babangendawo,+

      Uze ummisele lowo ulilungisa;+

      Yaye uThixo njengolilungisa+ uvavanya intliziyo+ nezintso.+

  • IMizekeliso 11:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Abo bantliziyo zigwenxa bayinto ecekisekayo kuYehova,+ kodwa abo bangenakusoleka endleleni yabo uyakholiswa ngabo.+

  • Yeremiya 17:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo,+ ndizihlolisise izintso,+ ukuze ndinike ngamnye ngokweendlela zakhe,+ ngokwesiqhamo sezenzo zakhe.+

  • Yeremiya 20:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Kodwa wena, Yehova wemikhosi, uyamhlolisisa lowo ulilungisa;+ ubona izintso nentliziyo.+ Ngamana ndingayibona impindezelo yakho phezu kwabo,+ kuba ndisityhile kuwe isimangalo sam.+

  • ISityhilelo 2:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Yaye abantwana bakhe ndiza kubabulala ngesibetho esibulalayo, khon’ ukuze onke amabandla azi ukuba ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndinike elowo ngokwezenzo zenu.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share