IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/02 iphe. 2
  • Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 14
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 21
  • Iveki Eqala Ngo-Oktobha 28
  • Iveki Eqala NgoNovemba 4
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 10/02 iphe. 2

Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 14

Ingoma 103

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Khuthaza wonk’ ubani ukuba abukele ividiyo ethi Our Whole Association of Brothers eza kuxutyushwa kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki kaOktobha 28. Ezilalini abadala bafanele balungiselele ukuba le vidiyo iboniswe iintsapho ezingenabo oomatshini bevidiyo. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 12, yiba nemiboniso emibini yendlela yokuhambisa IMboniselo kaOktobha 15 noVukani! kaNovemba 8. Kumboniso ngamnye, bonisa indlela eyahlukileyo yokuphendula xa umntu esithi “Ndinazi kakhulu nina.”—Bona incwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 20.

20 imiz: “Ngaba Uza Kube Ulapho?” Intetho enikelwa ngumdala namava. Iindibano ezinkulu ziye zanendima ebalulekileyo ekomelezeni abantu bakaThixo ukususela kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile ukuza kuthi ga kulo mhla. (Bona incwadi ethi Abavakalisi BoBukumkani, iphepha 254, isiqendu 1-3, nethi Insight, Umqulu 1, iphepha 821, isiqendu 5.) Bakhuthaze bonke ukuba baqalise ngoku ukulungiselela ukubakho kuzo zontathu iintsuku zendibano yesithili yalo nyaka. Cela abaphulaphuli babalise amava abonisa indlela imigudu abaye bayenza ukuze babekho nokuzincama kwabo okuye kwabavuza ngayo ngokomoya kwixa elidluleyo.

15 imiz: “Ithuba Elikhethekileyo Lokukhuthazana.” Intetho. Khuthaza ukubakho kwindibano yesithili. Babongoze bonke ukuba babekho kulo lonke ucwangciso, ukususela ngoLwesihlanu kusasa ukusa ngeCawa emva kwemini.

Ingoma 65 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 21

Ingoma 206

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Ingxelo yemali.

20 imiz: “Indlela Abaveleli BeZifundo Zencwadi Zebandla Ababa Nomdla Ngayo Kwabanye.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo emele isingathwe ngumveleli weSifundo Sencwadi Sebandla. Kwintshayelelo, yithi gqaba gqaba uchaza ngemvelaphi yeli lungiselelo lesifundo sencwadi. (jv-XO 237, isiqe. 4) Lungiselela kusengaphambili ukuba kubekho abavakalisi ababini okanye abathathu abachaza indlela abaye bangenelwa ngayo kuba kuye kwaboniswa umdla kubo kwiSifundo Sencwadi Sebandla.

15 imiz: “Hlalani Niphuthuma Okulungileyo.”a Gxininisa imfuneko yokulandela amalungiselelo amagumbi enzelwe thina. Bethelela izikhumbuzo ezintathu ezikwisiqendu 2. Chaza isizathu sokuba wonk’ ubani kufuneka aziphathe kakuhle.

Ingoma 194 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala Ngo-Oktobha 28

Ingoma 110

8 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Bakhuthaze bonke ukuba baphinde bahlole amanqaku endibano ekhethekileyo yosuku edlulileyo ukuze balungiselele ingxubusho yeNtlanganiso Yenkonzo yeveki ezayo. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake iingxelo zenkonzo yasentsimini zikaOktobha. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 12, cela udade enze umboniso wokuhambisa IMboniselo kaNovemba 1 uze ucele umzalwana abonise indlela yokuhambisa uVukani! kaNovemba 8. Emva komboniso ngamnye, khankanya iimbalasane zaloo ntshumayelo.

12 imiz: “Yanelisa Intswelo Yakho Yokomoya.” Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Xubusha izizathu zokuba wonk’ ubani efanele anikele ingqalelo kucwangciso lwendibano. Gxininisa imfuneko yokukusebenzisa oko sikufundayo kunokuba sive nje.

25 imiz: “Isizathu Sokuba Sibathande Bonke Abazalwana Bethu.” Xubusha kunye nabaphulaphuli ividiyo ethi Whole Association, usebenzisa imibuzo ethunyelweyo.

Ingoma 41 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoNovemba 4

Ingoma 66

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Xubusha umxholo othi “Ukuxabisa Ukwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani.”

13 imiz: “Ukunxiba Nokuzilungisa Ngendlela Endilisekileyo.”b Mayinikelwe ngumdala, oya kufunda iziqendu ezithile emva kokuba zixutyushiwe. Bancede bonke babone ukubaluleka kokuyiphaphela inkangeleko yethu xa siphambi kwabantu.

22 imiz: Zithobeni KuThixo—Mchaseni UMtyholi. (Yak. 4:7) Esebenzisa le mibuzo ilapha, umdala uxubusha nabaphulaphuli ngendibano ekhethekileyo yosuku ebiqhutywa kunyaka wenkonzo odluleyo. Cela ibandla libalise indlela eliye layisebenzisa ngayo into eliyifundileyo. (Abantu basenokwabelwa kusengaphambili iinxalenye abaza kugqabaza kuzo.) Balaselisa ezi ntetho zilandelayo: (1) “Ukuthobela UThixo Kwihlabathi Lobukhoboka.” Kutheni sifanele siphaphe ukuze siphephe imigibe yehlabathi? (2) “Ukubonisa Ukuthobela UThixo Njengamalungu Entsapho.” Kutheni kungxamisekile kwintlangano kaYehova ukomeleza amaqhina eentsapho? Sinokukwenza njani oku? (3) “Ncedani Abafundi Abatsha Ukuze Beme Beqinile Kwicala LikaYehova.” Sinokubanceda njani abasebatsha boyise imiqobo evavanya ukholo lwabo? (4) “Oko Kuthethwa Kukuchasa UMtyholi.” Siyintoni isikhokelo sokoyisa uMtyholi? Isikrweqe sokomoya esichazwe kweyabase-Efese 6:11-18 sisikhusela njani? (w92-XO 5/15 21-3) (5) “Ulutsha Olumxhathisa Ngempumelelo Ongendawo” nethi “Ulutsha Oluzuza Iingenelo Zokuthobela UThixo.” Ngawaphi amanye amaqhinga kaSathana abamele bawalumkele abantu abasebatsha? Basikelelwa njani abasebatsha ngokuzithoba kuYehova? (w90-XO 8/1 13-14, isiqe. 15-17) (6) “Iingenelo Zokuthobela UThixo.” Chaza indlela amaKristu azithoba ngayo kwabasemagunyeni, kubaqeshi, entsatsheni nakwibandla lamaKristu. Ziziphi iimpawu eziya kusinceda senjenjalo?

Ingoma 185 nomthandazo wokuqukumbela.

[Imibhalo esemazantsi]

a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.

b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share